Indoda eyabulala ibhinqa elithandana namanye, izakugwetyelwa ityala lentiyo

EKAPA: UFUNYANISWE enetyala lentiyo yiNkundla  ePhakamileyo yaseKapa uSgcine Mdani owabulala uNoluvo Swelindawo waseDriftsands owayethandana namanye amantombazana.

Umzimba kaSwelindawo owayeneminyaka engama-22 wafunyanwa ngomhla wesithathu kweyoMnga ngaku N2 unenxeba lembumbulu. Ngokobungqina obuphambi kwenkundla, uMdani wakhaba ucango likaSwelindawo waze wamnyanzelisa ukuba anxibe impahla wamxhwila.

Efunda isigwebo, iJaji yenkundla uDerrick Wille uthe, uMdani waseDriftsands oneminyaka engama-26 ufunyaniswa enamatyala amahlanu, ukubetha ngenjongo zokonzakalisa umzimba, ukuxhwila, ukubulala, ukuba nompu nembumbulu ngokungekho mthethweni.

“Injongo zakho zokubulala beziphenjelelwa yintiyo yokungakwazi ukunyamezela isimo sikamfi sokuthandana nesini esinye,” utshilo.

“Wakhaba ucango ngeenjongo zokuxhwila. Wabulala ngompu ongekho semthethweni. Inkundla ibonakalise ngaphandle kwamathandabuzo ukuba unetyala,” wongeze watsho uWille.

Isithethi secandelo labatshutshisi eNtshona Koloni uEric Ntabazalila, uthe ulindele ukuba uMdani adontse ixesha elide ngapha kwezitshixo. Uthe baxolile ngumsebenzi wamapolisa nabatshutshisi okhokelele ekubeni uMdani afunyanwe enetyala.

“Silindele iminyaka engama-15 kwityala lokubulala lilodwa. Asihambisani nale nto yokucatshukelwa kwabantu abathandana nabo besini esifanayo. Kufuneka inkundla yenze umzekelo ngaye (Mdani),” utshilo.

Iqabane likaSwelindawo, uNqabisa Mkatali, uthe uxolile emva kokuba uMdani efunyaniswe enetyala. “Ayipheli imini ndingamcinganga. Wayengumntu onothando kakhulu. Nasekuhlaleni iyabonakala indawo yakhe,” utshilo iinyembezi zimpompoza.

I’solezwe lapapasha ibali elithi ngomhla wokuqala kulo nyaka, uNoxolo Xakeka waseStrand wabulawelwa ukuthandana namanye amantombazana.

USwelindawo wayelilungu lombutho olwela amalungelo wabantu abathandana nesini esinye iLesbian, Gay, Bisexual and Transgender (LGBT).

Ngokwengxelo yeLove Hate Not Campaign, i55% yeLGBT ihleli exhaleni isoyikisela ubomi bayo ngenxa yokuba becalu-calulwa ekuhlaleni.