ICape Town City inomdla kakhulu kuSteven Pienaar!

Bokang Tlhone with Steven Pienaar of Bidvest Wits during 2017 Telkom Knockout Bidvest Wits Training Session at Sturrock Park, Johannesburg South Africa on 16 November 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Emva kokugxothwa kungaphelanga nesiqingatha sonyaka ebuyele
kwibhola yaseMzantsi Afrika, ngoku kuvakala iindaba ezithi uSteven “Schillo”
Pienaar uzingelwa liqela laseKapa – iCape
Town City
.
Lo mdlali watyikitywa yiBidvest Wits phambi kokuqala kwale sizini iqhubayo –
kodwa yamchitha ekuqaleni kwalo nyaka. Iingxelo zithi lo mdlali zange akwazi
ukuba nefuthe elalilindelekile kwiWits njengomdlali ochithe ishumi
elinesithandathu lonke leminyaka edlala kumazwe aseYurophu. Imidlalo edlalwe
nguPienaar imbalwa kakhulu kwiWits – kodwa ke ukudlalela yona ibe yinto enzima
kubo bonke abadlali emva kokutsala nzima phantse sonke isiqingatha sale sizini.
Usihlalo weCity, uJohn Comitis, uthi iqela lakhe liza kuwuchophele umba
wokutyikitya uPienaar.

 

“Ndicinga ukuba akekho osithandabuzayo isakhono sikaPienaar
sokudlala ibhola nomahluko awenzayo xa ekhona ebaleni. Kwimidlalo embalwa
ayidlalileyo kwiWits, ubonisile ukuba isekhona into angayenza qha udinga
ukunikwa ithuba lokudlala. Xa sityikitya umdlali zininzi izinto
esiziqwalaselayo. Uyafuneka umdlali onje ngaye – kodwa umntu othatha isigqibo
ngumqeqeshi ekugqibeleni. Ndizimisele ukuhlala naye phantsi (uBenni McCarthy)
kule mpelaveki sixoxe ngotyikitya lo mdlali,” utshilo uComitis.

Eselula ngokweminyaka,
uSteven Pienaar wantingela eYurophu – apho wafika wadlalele iAjax Amsterdam
yaseHolland, uBorrusia Dortmund yaseGermany – kanti eNgilane udlalele amaqela
aquka iTottenham Hotspurs, i-Everton neSunderland agqibelise kuyo ukudlala
kwela lizwe kunyaka ophelileyo. Kwakuncingeleka ukuba uPienaar angazibandakanya
namaqela afana ne-Orlando Pirates neMamelodi Sundowns – awona maqela makhulu
eMzantsi Afrika aye abonakalisa umdla kuye.