UNtshangase uthi ufuna ukwenza ezibukwayo ngeCawe

Siphelele Ntshangase of Kaizer Chiefs during Absa Premiership 2017/18 game between Kaizer Chuefs and Polokwane City at FNB Stadium in Johannesburg South Africa on 13 January 2018 ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Amakhosi akhangela
impumelelo yawo yokuqala xa edlala neBaroka FC. Kulindeleke kube njalo
nangeCawe xa iBaroka FC isamkela iKaizer Chiefs kumdlalo we-Absa Premier Soccer
League ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga ePeter Mokaba Stadium. Xa
kudibene la maqela kuqhawuka unobathana – umdlalo wale mpelaveki uzakube
unomtsalane ngakumbi ngenxa kaSiphelele Ntshangase odlalela iChiefs ngoku.
UNtshangase ugalele eNaturena ekuqaleni kwale nyanga esuka kwiBaroka – apho ahleli
iinyanga ezintandathu emva kokuthathwa leli qela laseLimpompo kwiBlack Leopards
phambi kokuqala kwale sizini yePSL iqhubayo.

Le ndedeba
yakwaNtshangase, 24, itsha zintambo emva kokudlalela iChiefs (iqela eyayilithanda
isakhula KwaZulu-Natal) okokuqala kumdlalo
ebethe kuwo iPolokwane
City
ngo’2-1 eFNB
Stadium. Nangona iChiefs ingekakwazi ukuyibetha iBaroka ukusukela oko yafika
kwiPSL – kodwa uNtshangase ugxeleshe impumelelo kumdlalo wangeCawe. Mhlawumbi
angalinceda iqela likaSteve Komphela ngoba ngoyena unolwazi olupheleleyo ngeBaroka
emva kokuhlala ithutyana kuyo. UNtshangase uthi uyazi ukuba abadlali beBaroka
bazakuqinisa umqolo xa bedlala neChiefs egacele ukubamba indebe yePSL okokuqala
phantsi kukaKomphela.

“Bazakuzimisela
xa bedlala nathi. Leyo into yaziwa nanguthatha, onke amaqela enza njalo xa
edlala nathi. Mandiyincome iBaroka, iqhube kakuhle ukuzothi ga ngoku kule
sizini. Linqaku elinye qha eliphakathi kwethu nayo. Ukuba siyakufuna ukulwela
indebe, kufuneka sibuye namanqaku amathathu kulo mdlalo wempelaveki,” utshilo
uNtshangase.

“Ndiya kulo
mdlalo ndilindele nantoni na ngoba izakuba ngumdlalo onzima. NdiliKhosi mna
ngoku, intliziyo yam ikuwo (Amakhosi). Iingoqndo zethu sizibeke emdlalweni
ngoba sifuna ukuphumelela yonke imidlalo. Amalungiselelo ahamba kakuhle.
Kumnandi kakhulu nakum ukugudlana nabadlali abaziwayo. Ukuba ndilinikiwe ithuba
lokudlala ngeCawe, ndizimisele ukwenza imbali njengomdlali weChiefs,” utshilo
uNtshangase.

Lo mdlali
weChiefs ulebele ngokucela abalandeli beChiefs ngobuninzi babo ukuba baye
emdlalweni.