UJeremy Brockie uyahamba kwiSuperSport

Jeremy Brockie of Supersport United during the Absa Premiership 2017/18 match between Supersport United and Kaizer Chiefs at Mbombela Stadium, Mpumalanga South Africa on 06 January 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Enye
yeefolosi eziyingozi kwibhola yaseMzantsi Afrika kulindeleke ithengiswe
kungekudala. UJeremy Brockie ekudala kuthethwa ngaye uzakuyishiya iSuperSport
United ingaphelanga le nyanga. Iingxelo zithi uya kwiMamelodi Sundowns – elona qela
kucacayo ukuba limfuna nyhani. UBrockie (30) ebeyinxalenye yeSuperSport United
ebethwe ngo’2-0 yiBidvest Wits esokolayo kumdlalo wePSL wokuqala wala maqela
ombabini kulo nyaka mtsha. Bekusoloko kukho amahum-hum athi uBrockie ufunwa
ngamaqela amakhulu omathathu – kodwa ngelo xesha ingqonyela yaMatsatsantsa
yabetha ngenqindi phantsi ngelithi akayi ndawo umdlali wakhe.

Le ndedeba
yaseNew Zealand ngokokuzalwa idlale indima
ebalulekileyo kwimpumelelo yeendebe eziliqela eziphunyelelwe yiSuperSport kule
minyaka imbalwa edlulileyo – kodwa kunyaka ophelileyo kuthiwa wabaxelela
abaphathi beqela ukuba unomnqweno wokudlalela elinye iqela. Ebuzwa emva
komdlalo izolo, uBrockie wale kwaphela ukwenza ilizwi ngomba wokuhamba kwake
kwiSuperSport. Kunyaka ophelileyo uBrockie wandise isivumelwano sakhe
kwiSuperSport sayokutsho ngo-2020 phambi kokufuna ukutshintsha iqela.

Umqeqeshi weSuperSport,
u-Eric Tinkler, uxelele iSuperSport TV ebusuku izolo ukuba akanalwazi ngemeko
kaBrockie. “Andimazi nokuba usengumdlali wethu na uBrockie, kungcono nibuze
yena,” utshilo uTinkler emva komdlalo.

IDowns
etyikitye u-Aubrey Mngoba obedlalela iCape
Town City

ingxamele uBrockie kuba ilungiselela ukubhalisa abadlali abazakudlala
kwiChampions League kunyaka ozayo.