AbaThembu bagcobele isigqibo senkundla!

IKOMKHULU labaThembu eBumbane liyavuya emva kokuba iNkundla ePhakamileyo eRhini ikhuphe isigwebo sokuba uNkosana uAzenathi Zanelizwe Dalindyebo libambela elisemthethweni endaweni yeKumkani eseluvalelweni uBuyelekhaya Dalindyebo.

 Esi sigwebo siza emva kokuba ongumninawa weKumkani uMankunku Dalindyebo wabhena ephikisa isigqibo sesizwe sabaThembu sokuba uAzenathi ibenguye obambeleyo kwisikhundla sikayise logama adontsa isigwebo seminyaka elishumi elinesibini.

 Othethe egameni leKomkhulu labaThembu uNkosi Zwelenqaba Mtirara uthi bayavuya sesi sigwebo senkundla. 

“Okona kusivuyisa nangaphezulu kukuba inkundla iphikise isigqibo sekomishini kaTolo, esasisithi nguMankunku ekumele ukuba abambele iKumkani, sivuya kakhulu,” ucacise watsho uMtirara 

Eli komkhulu libize inkomfa noonondaba emva kokuba inkundla ikhuphe esi sigqibo ngomhla wesithoba kule nyanga imiyo.

       “Ngaphandle kokuba lichithiwe eli tyala, uMankunku nahamba nabo           kulindeleke ukuba bahlawule iindleko zenkundla, sijongile asazi                  ukuba  bazakuthini, thina sijonge ukumanyanisa ubuKumkani babaThembu,” uthethe watsho uMtirara.

UNkosi uMankunku Dalindyebo wamangalela inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uPhumullo Masualle, iSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli, noNkosana uZanelizwe eqamele ngesigqibo seKomishini kaTolo esichithwe yinkundla.

Ukanti abaThembu bakwavakalise ukunganeliseki kwabo zingxelo zokuba iKumkani yamaXhosa uZwelonke Sigcawu imemelela ukukhululwa kweKumkani yabaThembu. ”Kaloku ngumcimbi wethu silikhaya lo ngoko ke kumele ukuba aqale athethe nathi uKumkani athethe ngokwezimvo zethu kulo mcimbi wokukhululwa kweKumkani yethu,” uthethe watsho uZwelenqaba.

UZwelenqaba uthi ngaphandle kokuba befuna ukuba kukhululwe iKumkani yabo, kodwa bakwafuna ukuba kwenziwe uxolo phakathi kwela komkhulu kunye neentsapho ezonakalelwayo.

“Sisisizwe esithanda uxolo ngoko ke sifuna ukudala uxolo phakathi kwethu kunye nala makhaya athi amangalela iKumkani, ukuze kubuyiswe uxolo nozinzo kweli komkhulu,” uthethe watsho uMtirara.