Bachongiwe abanethuba lokusebenza noThula Sindi

Aziva echulumancile amagqiyazana amabini aseMpuma Koloni emva kokuba echongwe njengalawo azakuthi abekuqeqesho lweenyanga ezintandathu bethunga phantsi kwalowo sele ephume izandla ekuthungeni iimpahla uThula Sindi.

Aba bazakuntingela eRhawutini nguNomfuneko Kenyane waseMdantsane kwakunye noAthi Banoyolo Qina waseTabase eMthatha.

Bebonke bebelishumi abathungi ebebekhuphisana kumnyhadala wefashoni yeBuyel’Ekhaya eOrient Theatre bebonisa ngeempahla zabo abazithunga ngokwabo.

UKenyane (35) uthi emvuyisayo kukuba uzakusebenza nomntu osele edumile kwaye oneempahla ezikumgangatho ophezulu uThula Sindi. Uthi okunye kukuba ungumntu wabantu osoloko efikeleleka.

“Ndizakutyebisa ulwazi lwam nangakumbi kuba uhlobo lweempahla zikaThula Sindi luyelelene nohlobo endenza ngalo. Bendisebenzile naye ngaphambili silunguselela olu suku khange kubekho lula,”utshilo uKenyane.

UQina (31) nosele eneminyaka elishumi ethunga uthi, oku ebengakulindelanga kuba ukhuphiswano belunzima kwaye noogxa bakhe ekuthungeni ebekhuphisana nabo bebezimisele.

UThula Sindi encokola neli phephandaba udize ukuba ininzi italente eMpuma Koloni, leyo into ayinokukhanyelwa. “Into enqabileyo ngamathuba kuphela”.

Uluntu belusonwatyiswa yimvumi yomngqungqo uSelaelo Selota kwakunye noMadosini.

Oosaziwayo abaphume izandla abebe zimase umnyhadala nguLaduma Ngxokolo, Thula Sindi, Taibo Bacar kwakunye noGert-Johan Coetzee.

abongile.ginya@inl.co.za