UDeon Davids angathatha indawo kaCoetzee

Deon Davids

Imeko yomqeqeshi waMabhoko-bhoko, * -Allister Coetzee, isafana twatse naleyo ebekuyo ngeli xesha kunyaka ophelileyo.

UCoetzee uya kwiiholide zokuphela konyaka engazi nokuba ikamva lakhe linjani na emva kokuvakala kwamahum-hum athi iintsuku zakhe zibaliwe njengomqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo.

Umbutho olawula umbhoxo, iSouth African Rugby Union, ikhuphe ingxelo ethi iyakwenza isibhengezo malunga noCoetzee kunyaka ozayo.

Kunokwenzeka anikwe uphum’ aphele uCoetzee emva kwesizini yesibini engahambanga kakuhle kwicala leziphumo.

Iziphatha-mandla zeSaru bezibambe intlanganiso yokuphela konyaka – kulapho naye uCoetzee ethe thaca ingxelo yakhe yonyaka kwanalapho kuthe kwaphicothwa umsebenzi wakhe wonyaka.

“Iintlanganiso zethu nophicotho lomsebenzi owenziweyo kumaqela esizwe kulo nyaka ziqhubela phambili. Emva koko sizakucwangcisela unyaka ozayo,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiSaru kwiveki ephelileyo.

Phantsi kukaCoetzee, Amabhoko-bhoko aphumelele imidlalo yovavanyo elishumi elinanye kuphela kwimidlalo engamashumi amabini anesihlanu.

Enye yezinto ekubonakala ngathi ingamchana kakhulu umqeqeshi kukuhlazwa kweeBoks ngamazwe afana neNew Zealand ngo’57-0 ne-Ireland.

Iingxelo ezivakalayo zithi ingqonyela yeSaru entsha uRassie Erasmus kulindeleke ukuba akhangele umqeqeshi omtsha.

Kucingeleka ukuba umqeqeshi weKings, uDeon Davids, yeyona ndoda enokuthatha indawo kaCoetzee.

Ikamva likaPieter de Villiers noMzwandile Stick kulindeleke bahambe.