Ujinga ngomsonto umsebenzi kaDe Lille

EKAPA: UNIKWE iiveki ezintathu uSodolophu waseKapa uPatricia de Lille ukuba achazele umbutho weDA izizathu ezinokubangela ukuba angehliswa esikhundleni sakhe.

Oku kuza emva kokuba amagqwetha wakhe efake isicelo sokongeza ixesha, itshilo iDA kwisibhengezo. UDe Lille ebefanele ukuba ukwenze oku ngoMvulo. Kodwa ngoku uyakuchaza ngomhla wesihlanu kwinyanga ezayo.

Usodolophu wanqunyanyiswa ukuba angathabathi nxaxheba kwizinto ezimalunga nalombutho ngoLwesine weveki edlulileyo. Ingxelo yekomiti ekhokhelwa nguMbhexeshi weDA ePalamente uJohn Steenhuisen yafumanisa izityholo ezininzi zokulawula gwenxa kukaDe Lille, yaze yathandabuza impatho yakhe.

“ISub-committee iwuququmbele umsebenzi wayo. Ifumanise ukuba ukusilela kolawulo kunefuthe eligwenxa ekubeni isixeko senze umsebenzi onguwo ebantwini baseKapa,” isithethi seDA uPhumzile van Damme utshilo.

USteenhuisen uphande ukuxabana esidlangalaleni phakathi koJP Smith noDe Lille emva kokuba uDe Lille wavala iSpecial Investigating Unit eyayiphanda ukuziphatha gwenxa kooceba. Eli qumrhu laliphantsi koJP Smith.

UDe Lille uphandwa ngezityholo ezifana nezaseNkandla zokuba waphucula ukhuseleko emzini wakhe ePinelands.

Kodwa, uDe Lille uyaziphika ezi zityholo.

Usihlalo wequmrhu lokoluleka izimilo kwiDA uJames Selfe, uthi ngenxa yobuzaza bezi zityholo, umbutho ubone kulungile ukuwumisela inyanga ezayo lo mba ukuze amagqwetha kaDe Lille afumane ithuba elaneleyo ukuphendula.

UDe Lille ugrogrise ngokubhenela enkundleni ukunqanda iDA ingaqhubekeki nokuvotela ukwehla kokuthembeka ngakuye.