Umbhodamo eLuthuli House

UGqirha Nkosazana Dlamini-Zuma evuyisana noMongameli omtsha weANC uCyril Ramaphosa logama kumfanekiso osekhohlo uGwede Mantashe, uSihlalo omtsha, evuyisana noJessi Duarte, uSekela Nobhala UMFANEKISO: Itumeleng English/ANA

ABAXHASI bakaCyril Ramaphosa bangaqhuba ngokubhiyoza emva kokuba uRamaphosa enyulwe njengoMongameli weANC, kodwa izinto ebezithenjiswa ngulo kaRamaphosa zingaxaba endleleni yabaxhasi bakaNkosazana Dlamini-Zuma abonyulwe kunye noRamaphosa.

Oku kuthethwe nguBhasela Yalezo, ohlohla izifundo zophuhliso-qoqosho kwiYunivesithi yaKwaZulu Natal (UKZN), kudliwano-ndlebe nephephandaba I’solezwe kule veki.

Uluvo lukaYalezo, luza emva kokuba uAce Magashule noDavid Mabuza bathe bonyulwa kwesona sithandathu sibalulekileyo kwiANC. UMagashule nguNobhala omtsha weANC logama uMabuza enguSekela Mongameli.

Bobabini, uMagashule noMabuza, bebebonakala bexhasa uDlamini-Zuma ngethuba lexesha lokugaya inkxaso. Iingxelo zithi iphondo leMpuma Koloni, phakathi kwamanye amaphondo, lilo elicele uMabuza ukuba axelele abaxhasi bakhe ukuba bavotele uRamaphosa, ukuze yena axhaswe kwisikhundla sobuSekela Mongameli.

Le nto ithetha ukuba bathathu abaxhasi bakaDlamini-Zuma (uMagashule, Mabuza noJessie Duarte) kwesi sikhokelo sikaRamaphosa, logama uPaul Mashatile (unondyebo) noGwede Mantashe (usihlalo) izinkokeli ebezixhaswa ngabathunywa abaxhasa uRamaphosa.

URamaphosa uphumelele ngeevoti ezingama-2400, ebetha uDlamini-Zuma ofumene iivoti ezingama-2261. UMabuza uphumelele ngeevoti ezingama-2538, ebetha uLindiwe Sisulu ofumene iivoti ezingama-2159.

UYalezo uthi uRamaphosa angafumana ubunzima ekwenzeni umsebenzi ngokugqibeleleyo xa enoMagashule noMabuza kwisikhokelo sakhe.

“Into ezakwenza nzima kukuba uMagashule uyabandakanyeka kurhwaphilizo, futhi ngumxhasi omkhulu ka[Mongameli Jacob] Zuma. Ukuze aqhube nomsebenzi wokulwa urhwaphilizo, uRamaphosa kuza kufuneka ukuba afumane inkxaso yesigqeba (Top 6) sakhe,” kutsho uYalezo.

UYalezo uthi into efunekayo kuRamaphosa kukuba axelele sonke isigqeba sakhe ngezinto anqwenela ukuzenza, ukuze atshintshe imbonakalo yeANC eluntwini futhi abuyise nethemba kubatyali-zimali.

Ngethuba ethetha eMonti ekuqaleni kwale nyanga, uRamaphosa wathi: “Xa ndinguMongameli ndiza kuba nencwadi endibhala kuyo imisebenzi ethe yadaleka, iveki neveki. Xa ingadaleki le misebenzi, ndiza kufowunela ezi nkampani ndibuze ukuba zithini izicwangciso zabo zokudala amathuba engqesho, ingakumbi ukurhwebesha ulutsha.”

“Into ezakukhulula eli lizwe kubugxwayiba kuxa sidala amathuba engqesho kulutsha. Ukuba singenza lo nto, iimeko ezimaxongo kwilizwe lethu zingaphela,” kwatsho uRamaphosa.

Noxa nje uZuma ebebonakala engakhululekanga, kodwa kwimvula-mazwi yakhe kule nkomfa ebevakalise ukuba: “Ndilindele nokuba konyulwa bani, ukuze ndimbize uMongameli wam.”

Ukonyulwa kukaRamaphosa njengoMongameli weANC kuthetha ukuba usondele kwisikhundla sokuba nguMongameli welizwe, kodwa umsebenzi uzakuqala kwiphulo lokugayela inkxaso lo mbutho.

Elona qonga lithe xhaxhe azakuthetha kulo kuseBuffalo City Stadium eMonti ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga yoMqungu apho azakube enikeza intetho kumbhiyozo wokugqiba ikhulu elinesithandathu yasekwayo iANC.