UTeboho ubethe iintaka ezimbini ngelitye elinye!

UTeboho Moloi ongumqeqeshi weChippa United enikezwa iwonga lokuba ngumqeqeshi ogqwesileyo wenyanga

Umqeqeshi weChippa United, uTeboho Moloi, ubethe iintaka ezimbini kule nyanga ngelitye elinye.

Lo kaMoloi unikwe isikhundla somqeqeshi oyintloko ngokusesikweni kule veki wabe ewongwa yiPSL kwangaxeshanye.

IiChilli Boys ziphakathi kwamaqela amahlanu aphezulu kuluhlu lwePSL kwaye ishiywa ngenqaku elinye qha yiMamelodi Sundowns ekhokelayo.

Konke oku kwenzeka emva komsebenzi oncomekayo owenziwe nguMoloi owangena endaweni kaDan “Dance” Malesela owagxothwayo emva kokubethwa kweChippa ngo’3-1 yiBaroka FC ekuqaleni kwesizini.

Emva kokuba uTeboho ethathe iintambo, iChippa idlale imidlalo elishumi ingaphulukananga namdlalo.

Impumelelo yeChippa ngethuba idlala namaqela afana neBidvest Wits neKaizer Chiefs kutshanje iyibeke kwindawo entle kakhulu.

Umsebenzi omhle owenziwe ngulo kaMoloi ubonakele, yiyo lo nto efumene iwonga kwiPSL lokuba ngumqeqeshi ogqwesileyo kwinyanga ephelileyo (kweyeNkanga).

Omnye othe wawongwa yiPSL nguHlompho Kekana weMamelodi Sundowns obe ngumdlali ogqwesileyo kwinyanga edlulileyo.

Kwiveki ephelileyo iChippa iphazanyiswe kukubethwa yi-Ajax Cape Town ngo’1-0 eBidvest Stadium – kodwa lo nto ayixhalabisi ngoba iChippa isabambe indawo entle.

“Kunyaka ophelileyo ndaba nomona kaloku ngethuba uClinton Larsen efumana eli wonga. Lo nto yayisenziwa kukuba sakhula sidlala sonke – yena wangumqeqeshi ngaphambili kunam. Besiwufuna la mdlalo ugqithileyo ngoba besicinga ngokubulela usihlalo. Ndicinga ukuba nabo abadlali bebezimisele ukundivuyisa emva kokubabeka phezulu kwiPSL.

Ndifundile ke kodwa ukuba izinto ngeke zihambe ngendlela yam oko. Amawonga kum asinto ebalulekileyo, into endiyinqwenelayo kukubona iChippa iphakathi kwamaqela aphambili kwiPSL xa kuphela isizini,” utshilo uTeboho.

Ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo emalanga, iChippa United yamkela iPolokwane City kumdlalo wePSL eNelson Mandela Bay Stadium.

Imidlalo yePSL:

NgoMgqibelo: Cape Town City vs AmaZulu @Cape Town Stadium 20:00; Mamelodi Sundowns vs Bloemfontein Celtic @Loftus Versfeld Stadium 15:30; Free State Stars vs Orlando Pirates @Goble Park Stadium 18:00; Bidvest Wits vs Platinum Stars @Bidvest Stadium 20:15; Kaizer Chiefs vs Ajax Cape Town

NgeCawe: Baroka FC vs SuperSport United @Peter Mokaba Stadium 15:30; Golden Arrows vs Maritzburg United @Princess Magogo Stadium 15:30