Buyani umva eZimbabwe maxhalanga!

Xa kungoku, sazi sonke ukuba ubunkokheli baseZimbabwe bususiwe ezandleni zikaxholovane wexhwangusha nesisele senyathi esinguRobert Mugabe, baze banikezelwa ezandleni zalowo wayesakuba nguSekela Mongameli wakhe, * -Emmerson Mnangagwa.

Kwibinza leveki ephelileyo, ndiye ndahlomla ngelithi, umongameli Mugabe nangona wangena ebunkokhelini belozwe ngothakazelelo lwabo bonke abemi baseZimbabwe, uphele ephuma sele kungamnandanga ngenxa yokutshela kwakhe esihlalweni nangani iminyaka ibisele ingavumi ncam.

Ewe siyavumelana sonke ngelithi uRobert Mugabe ibingumAfrika onenkani, nophantse wayilimaza iZimbabwe ngokufuna ukugcina ulawulo kusapho lwakhe, endaweni yokukhuthaza inkqubo yolawulo lwesininzi ikhethe umongameli ofanelekileyo ukuba angene ezihlangwini zakhe.

Nangona kukho la makhwiniba nje, akukho namnye onokuluphikisa uluvo oluyinyani lokuba uRobert Mugabe ebelelinye lamatsha-ntliziyo ezwekazi le-Afrika. Ubukroti nobutsha-ntliziyo bakhe bubonakele mhla iZimbabwe yaphathwa nguye emva kokukhululeka kumakhamandela engcinezelo yaseBhilitane nakungenelelo lorhulumente wabacinezeli waseMzantsi Afrika.

Kuthe kanye emva kwemfazwe yelo zwe eyayibizwa ngokuba yiChimurenga, uMugabe akalithengisa izwe lakowabo ukuze lilawulwe ngemithetho yorhulumente wengcinezelo waseBhilitane naseMzantsi Afrika, koko ubunkokheli bakhe bagxila ekuphakamiseni abantu belo zwe abantsundu, nasekuphuculeni indlela abaphila ngayo.

Le mfazwe yenkululeko nokuzimela kweZimbabwe yayikhokelwa yimibutho yemikhosi yabantu eyayibizwa ngeZANLA neZIPRA, kwaye le mikhosi ithe yakuyibhulela amasaka imikhosi yamakoloniyali, yachonga uMugabe njengethemba lesizwe.

Eneneni uthe akulawula uMugabe, babonakala kwaye bavakala ubungangamsha bomntu ontsundu kwelo lizwe laseZimbabwe.

AmaShona namaNdebele atsho akhulelwa yimvano, ukuzingca kwanokubuva ubunganga bokuba ngabemi kwizwe lawo lokuzalwa.

Ewe ndiyavuma uMugabe ebeyinkokheli enazo iimpazamo nokungagqibeleli, kodwa ke ingaba kulo mhlaba umagada ahlabayo ikho inkokheli egqibeleleyo?

Ingaba kulo mhlaba siphila kuwo ikho inkokheli enokunikezela lula ngolu hlobo ngolawulo kungakhange kuliwe kuphalale negazi? UMugabe ndimthandela ukukwazi ukufunga angajiki ekwenzeleni isizwe sakowabo into entle nephilisayo.

Izizwe ngezizwe zithe zakulikwaya ilizwe lakowabo kuba egunyazisa ukuhluthwa kwemihlaba kwabo babeyihluthe kubantu abantsundu ngaphambili, uMugabe wema akajika, waxolela ukuba ilizwe lakhe lithwaxwe yindlala kunokuba umzi ontsundu ungabi namihlaba. Bantu bakuthi, yibuzeni apha kuthi ukuba ntle kwayo into eyenziwe nguMugabe eZimbabwe ukuba aniyazi!

UMugabe ube krele-krele kangangokuba ayazi into yokuba inkululeko ligama nje, xa abo bebecinezelwe bengenayo imihlaba nazindawo zakuhlala kwizwe lakowabo.

Tyhini khanimamele ndinityele iindaba ezi magwalandini! Nithi nikhululekile kodwa aninamihlaba! Nithi nikhululekile kodwa nihlala emikhukhwini! Sithi sikhululekile kodwa sisasebenzela ooBaas nooMadam bayizolo, endaweni yokuziphila!

Nithi nikhululekile kodwa kukho ookrebe bezixhiliphothi zamabhedengu nabarhwaphilizi abatya iimali zenu, babhokoxe batyebe banyalase nijongile!

Nithi nikhululekile kodwa ubutyebi bezwe lenu busesezandleni zegcuntswana! Nithi nikhululekile kodwa nithi senifuna ukuthenga umhlaba kweli lizwe lenu, uninzi lwamagqwetha omhlaba ibe ngalawo aphuma kuhlanga lwasemzini! Hehake nkululeko ndini, hehake!

UMugabe waqinisekisa ukuba igunya nelungelo lomhlaba liwela kubantu bakowabo eZimbabwe, kuba kakade nalapha kufuphi eMozambique kwaSamora Machel, akukho namnye umntu wasemzini onebango kumhlaba wama-Afrika elo zwe, esi sisimanga saseMzantsi Afrika kuphela, ngoku ililizwe lenkululeko.

EZimbabwe ubutyebi (iibhanki; ulimo; uqoqosho), ubukhulu becala bulawulwa ngabantu abantsundu. UMugabe waqinisekisa ukuba abemi bezwe lakowabo banikwa imfundo egxininisa kwizakhono, hayi le yethu neyabantwana bethu isikhuthaza ukuba sifundele ukuqeshwa nokukhongozela umvuzo komnye umntu, endaweni yokuba usebenzise izakhono zakho uziphilise.

Nangoku uMzantsi Afrika uncedwa ngabemi baseZimbabwe, abemi bezwe ebelilawulwa nguMugabe kwiinkonzo ezifana nokwakhiwa kwezindlu; imisebenzi yombane (electric); ukukhandwa kwezithuthi (mechanical); ukutywina (plumbing); njalo njalo!

Isicelo sam sinye kuwe Emmerson Mnangagwa, uzungazihluphi ngeempazamo zikaMugabe, zama uzilungise nje, koko uzuthathe, ufunde uze wandise kwizinto ezintle azenzele abantwana abantsundu baseZimbabwe.

Akho amaxhalanga asuka kumanye amazwe aza kufika afune ukungenelela kulawulo lwelo zwe, uzuncede loo mabhedengu ungawavumeli!

UMugabe ubathandile abantu bakowabo, nawe uzuzeke mzekweni, emva koko, wena nesigqeba sakho solawulo, amajoni namagqala enkululeko, kunye nabantu ngokubanzi, maze nimanyane nakhe isizwe senu sibe luqilima!

Nincede ningafani neLibya, kuba kwelo zwe kuthe kwakususwa kwabulawa uMuammar Gaddafi, angena amaxhalanga alidlakaza ilizwe!

Ndinento ethi, ukomelela kweZimbabwe kukomelela koMzantsi Afrika! Zingathi zakunqoza kweli loMzantsi Afrika, iZimbabwe ibe likhaya lethu, kude nekhaya! Pamberi nebudiriro, nekushinga Zimbabwe (Phambili Zimbabwe! Phila ngonaphakade, Zimbabwe!)