Babhuqwa yindlala ngenxa yesebe lezekhaya

UZimkhitha Mpahlana (31) waseNxarhuni eMonti ugqiba iminyaka elishumi elinesibhozo efuna isazisi kwisebe lezekhaya eHighway eMdantsane.

Le nkosikazi inabantwana abathathu abangenazo iziqinisekiso zokuzalwa ngenxa yokuba yona ayikwazi kufumana isazisi sayo.

“Ngo 1999 ndaqala ukufaka isicelo sesazisi kwisebe lezekhaya, andizange ndisifumane isazisi koko ndaxelelwa ukuba kukho uphando olwenziwayo lwangaphakathi esebeni, oko ndandilinde ngoko,”uthethe watsho uMpahlana.

Okona kunika ingxaki ngale meko kukuba le nkosikazi ayikwazi kufumana izibonelelo zikarhulumente zokondla abantwana bayo abathathu, omnye wabantwana uyagxothwa esikolweni.

“Asisebenzi notata wabo, asikwazi kufumana izibonelelo zikarhulumente, lo umdala uyagxothwa esikolweni ngenxa yokuba akanasiqinisekiso sokuzalwa nangona sele eneminyaka esixhenxe ezelwe,” ukhalaze watsho uMpahlana.

Iinzame zokusebenzisa isazisi sikatata ukufumana isibonelelo sabantwana asizange siphumelele. Ukutya bakufumana ngokuphiwa ngabamelwane, indawo yokuhlala yindlu abayigciniswe ngumakazi womyeni.

“Ndakuza ndife isiqaqa mhla ndasibamba isazisi sam apha esandleni sam, ngo2014 isebe lezekhaya landixelela ukuba uphando malunga nokufumana kwam isazisi liqhutywa yi-ofisi yabo kazwelonke ePitoli, kulo nyaka ndixelelwe ukuba ndiyayazi ingxaki yam mandihambe phaya, bathatha imizuzwana ukundiphendula logama mna ndithathe iminyaka emingaka ndisokola nabantwana bam,”ekhathazekile utshilo uMpahlana.

Ngethuba eli phephandaba lityelele eli khaya eNxarhuni, abantwana * -Ukhona Mpahlana(7) nodade wabo * -Iyazi Mpahlana bebejijisana ngephepha ledrink-o-pop bebhentsisa ubunzulu bendlala ebhuqa eli khaya.

“Ndihlambela abantu impahla apha elalini ndifumane loo malana, utata wabantwana yena usebenza ezigadini afumane imali eqala kumashumi amathathu eerandi ngegadi ayenzileyo,”utsho uMphahlana.

Abahlali bale ndawo balithathele kubo idabi lokunceda eli khaya libhuqwa yindlala ngenxa yesebe lezekhaya.

UNoni Somakhonkco uthi akasawukhumbuli nonyaka awaqala ngawo ukuncedisa uMpahlana ukuba afumane isazisi sakhe.

“Ndihambe nalo mntwana eMdantsane kwisebe lezekhaya kwashushu iinyawo, sixelelwa ukuba kuqhutywa uphando ePitoli oko exelelwa lo nto ayikho enye into ethethwayo,”utsho uSomakhonkco.

Inqununu yesikolo saseNxarhuni uThembinkosi Bhodoza uthi kudala ezama naye ukuba lo mntwana ancedakale kule ngxaki yokungabi nasiqinisekiso sokuzalwa.

“Ukungabikho kwesiqinisekiso sokuzalwa umntwana uyabetheka, kukho izinto angakwazi kuzifumana, isisebenzisa kakubi nathi kwelethu icala, ndiceba ukumema intlanganiso nesebe lezekhaya kuba baninzi aba bantwana abanale ngxaki,” itsho inqununu.

Othethe egameni lesebe lezekhaya kuzwelonke uDavid Hlabane, uthi baqhuba uphando ngesi siganeko ngeenjongo zokufumana isisombululo.

“Sithethana ne-ofisi yethu eHighway eMdantsane ngelizama ukufumana impendulo kule ngxaki, sicela umama lo asebenzisane nathi ngokusinika zonke iinkcukacha.