Iwaka kwizithuba eziyi-40 kwaKFC

Luphume ngobuninzi imvula isina ulutsha lwaseMonti neziphaluka luyokufaka isicelo somsebenzi kwabakwa KFC ebebekwiholo loluntu eCambridgeUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

YINTLANINGE yolutsha oluthe lwaphuma ngobuninzi balo, ludela loo moya ubhudlayo neentshizane eMonti ngoLwesibini wale veki, lusiya kukhangela izithuba zengqesho kwivenkile eqhotsa inyama yenkukhu kwaKFC.

Le nkquleqhu kaKFC ibibanjelwe kwiholo laseCambridge eMonti, apho ulutsha oluqikelelwa ngaphaya kwewaka luthe lwasabela emva kokuba abakwa-KFC bebepapashe isithuba sengqesho, esifuna umntu ono-Grade 12, unyaka wamava kumsebenzi omnye, iCV kwanesiqinisekiso sendawo yokuhlala.

Kule ngxelo yopapasho lwezi zithuba zengqesho, abakwaKFC bacele ukuba lowo uzayo kufuneka aziphathele into etyiwayo “kuba ingaba lusuku olude olu”.

Ngenxa yokufuna ukungena kuqala, ulutsha luqale ukufika ngentsimbi yesithandathu kusasa luxhobe ngeempepha zalo zokufuna lo msebenzi.

Ide yabetha intsimbi yesibini emalanga isaqhuba inkqubo yengqesho.

Intwazana yaseMthatha eneminyaka engamashumi amabini anesithathu ebalisele I’solezwe, ithi yenze udliwano-ndlebe nabakwaKFC kuba kudala ijonge enkalweni ekufumaneni umsebenzi ongqamene nediploma yayo kwiHuman Resources.

“Ndilwenzile udliwano-ndlebe, andiyazi nokuba ndizakuthathwa kusini na kuba ndikhe ndabeva bebuza nge-CV yam abathi ayinazo iinombolo (reference) zase-ofisini ekunokufowunelwa kuzo xa befuna ukundithatha. Bathi i-CV yam ineenombolo zikanomyayi kuphela. Ngoku ke andazi nokuba ithetha ukuthini lo nto, ndizakubona kubo,” itshilo le ntwazana, isithi ichithe iiyure ezine eludweni.

Umfana oneminyaka engamashumi amabini ananye, waseMdantsane, yena uthi unoGrade 12 kuphela kwaye unawo amava omsebenzi noxa nje engekho kangako.

“Ndifuna umsebenzi nokuba unjani kwaKFC. Umvandedwa wentswelo-ngqesho udlala ngathi phaya elokishini,” utshilo lo mfana.

Abakwa-KFC bathi bafuna ulutsha olukumashumi amane (40) kuphela kule nkquleqhu. Bakwathi bajonge ukuqasha olu lutsha kwiindawo ezifana neMonti, Mthatha, Bhofolo naseQonce.

Lowo unenyhweba yokuthathwa uzakuqeshwa kwindawo apho azakuba kufutshane nekhaya lakhe, batshilo abasemagunyeni bekwathi umsebenzi kolu lutsha uzakuqala ngeli xesha likaxakeka leziyunguma zokuphela konyaka.

Uninzi lwezi zithuba zingamashumi amane, alusiso isigxina.