IiSharks kufuneka ziwonge uNdungane ngempumelelo

NgoMgqibelo iiSharks zinoxanduva lokulwa kuqhawuke indawo kumdlalo wamagqibela kankqoyi weCurrie Cup, eKings Park.

Kulo mdlalo, iiSharks zamkela iWestern Province ebizibethile kumdlalo wokuqala eKapa kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

Emva kokubethwa, iiSharks zizibethele iBulls engaqheliseliyo.

Umqeqeshi wabadlali bangemva kwiiSharks, uSean Everett, uthi bazibonile iimpazamo zabo kwaye bazimisele ukuzitshintsha.

“Asinakuze siyilibale into eyenzeke ngelixa sidlala neProvince. Kwiyure yokuqala yala mdlalo sasilawula yonke into, yeyona nto sayichanayo kuwo kwaye sayenza ngokuzimisela. Kwisiqingatha sesibini khange sibonakale tuu kwaphela, avele ehla amandla kubadlali. Kulo umdlalo uzayo siza kukwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa impumelelo,” utshilo * -Everett.

Omnye wabadlali ababalulekileyo kwiiSharks oza kuphoswa ngumdlalo wale mpelaveki nguSbu Nkosi – owonzakele engqinibeni.

Le nto ithetha ukuba kuza kuvuleka amathuba kwiiSharks kumdlalo omkhulu kaOdwa Ndungane.

Lo mdlalo wangoMgqibelo ubaluleke nangakumbi kwiiSharks kuba uzakuba ngumdlalo wokunika imbeko uNdungane nozakube ebeka phantsi kumdlalo wombhoxo.

Le nzalelwane yaseMthatha lelinye lamagqala adlale indima ebalulekileyo kumbhoxo wabamnyama ingakumbi kwiSuper Rugby neCurrie Cup.

UNdungane uzakube edlala umdlalo wakhe wamakhulu amabini anamashumi amane anethoba kwaye oogxa bakhe baza kufuna ukumkhapha ngomdlalo ophucukileyo kuba ingowokugqibela.

Ngaphandle kukaNkosi alukho olunye utshintsho olulindelekileyo kulo mdlalo.

“Ukudlala umdlalo wamagqibela kankqoyi ekhaya liphupha lakhe nawuphi na umqeqeshi, thina kufuneka siqinisekise ukuba lo mdlalo siwuthatha njengomdlalo obaluleke kakhulu,” utshilo * -Everett.

“Siphise ngamapenela amaninzi kakhulu ngokuya besidlala neeBulls; asikwazi ukuyivumela yenzeke kwakhona loo nto. Kufuneka abadlali banyamezele kwaye bakhusele ibhola kangangoko banako.”

Lo mdlalo uza kuqala ngecala emva kwentsimbi yesithathu emva kwemini ngoMgqibelo.