IKings isa umdlalo eWolfson Stadium

ISouthern Kings izama ukusondeza umdlalo wombhoxo ebantwini.

Eli qela lombhoxo laseBhayi ligqibe kwelokuba lithathe umdlalo wePRO14 ophakathi kwalo ne-Ulster yase-Ireland liwuse eWolfson Stadium, kwaZakhele, ngomhla wesine kwinyanga ezayo.

Le yenye yeendlela zokusondeza umbhoxo kwiindawo zabantu abanqatyelwe yimidlalo emikhulu. Kodwa esi sigqibo asithethi kuthi iKings ziyayishiya iNelson Mandela Bay Stadium elikhaya lazo.

IKings iya kwaZakhele okokuqala ngoku idlala kwi-PRO14 emva kokushiya iSuper Rugby kwisizini edlulileyo.

“Njengokuba imidlalo yombhoxo isiza eMzantsi Afrika kwinyanga ezayo, sicinge ukuba sizame ukusondeza umbhoxo kwiindawo esingafane sidlalele kuzo. Siyibonile indlela abayamkele ngayo imidlalo yeSuperSport Rugby Challenge kwaye indawo yaseZwide iyaziwa ngokuthanda umbhoxo,” utshilo uCharl Crous, isikhulu seKings.

Ngethuba kudlalwa imidlalo yeSuperSport Challenge, amanani wabantu emabaleni ayephezulu – iKings iya eZwide inethemba lokugcwalisa ibala.

“Ishumi lamawaka abantu alibonakali kwindawo enkulu njengeNelson Mandela Bay Stadium – kodwa yona iWolfson Stadium igcwala ithi qhu. Inayo yonke into esiyifunayo kwaye ikhona nendawo ekhuselekileyo yokugcina iinqwelo-mafutha. Eli lithuba lokuba abantu bafumane umdlalo ophezulu kwibala eligcweleyo,” utshilo uCrous.

IWolfson ibike yasetyenziswa ngaMabhoko-bhoko ngethuba elungiselela umdlalo wawo obuseBhayi kwezi nyanga zidlulileyo kwaye abantu bayivuyela kakhulu lo nto.

“Besike savulela ababukeli sizilolonga eDespatch kutshanje njengenye yeendlela zethu zokuzisondeza ebantwini. Singabaqeqeshi sayivuyela into yokudlalela eWolfson Stadium,” utshilo umqeqeshi weKings, uDeon Davids.