Uzikhotha amanxeba umasipala wase-Enoch Mgijima

Emva koqhankqalazo oluthathe iinyanga ezimbini olubangele ilahleko eqikelelwa kumashumi amahlanu ezigidi zeerandi (R50 M) umasipala wase-Enoch Mgijima uzama amacebo okuvuselela imeko yezimali.

Usodolophu walo masipala uLindiwe Gunuza-Nkwentsha, uthi aziyonyani iingxelo zokuba lo masipala usengxakini yezimali enokubangela ukuba abasebenzi bangayifumani imirholo.

Abahlali, abasebenzi, noosomashishini baseEnoch Mgijima baxhalabile yimeko yezimali ekuthwa ikekele emva koqhankqalazo lwabasebenzi oluthathe iinyanga ezimbini.

“Imeko yezimali yethu ayikabuyeli esiqhelweni, kodwa aziyonyani iingxelo zokuba bangade bangafumani mirholo abasebenzi, nezinye iinkonzo zethu siyazihlawula ngaphandle kwengxaki, ingxaki yezimali ikhona yona,” uthethe watsho uGunuza-Nkwentsha.

Lo sodolophu akakhanyeli ukuba ngenene uqhankqalazo lwabasebenzi lubabethe ngokumandla.

“Kwezi ntsuku zonke zoqhankqalazo abantu abeze kuhlawula iinkonzo ezahlukeneyo bebejika, lo nto isibethe kakhulu kwingeniso, imali eninzi engena kulo masipala siyifumana ngokuhlawulwa kweenkonzo, iinkonzo zombane, ezokuhlawulwa kokurhafela izithuthi nezinye.”

Uthi eminye imisebenzi ebekumele ukuba yenziwe ngaba basebenzi bebekuqhankqalazo kunyanzeleke ukuba inikwe iinkampani zabucala.

Abasebenzi bala masipala abangamalungu ombutho weSouth African Municipal Workers Union bangena kuqhankqalazo ngenyanga yeKhala kulo nyaka emva kokuba besithi azizaliswa izithembiso zokutshintshwa kwemirholo ngumasipala.

Ngokwengxelo kukho isivumelwano esasithe makutshintshwe umgangatho ekuyo imirholo yabasebenzi yenziwe ihambelane nenqanaba okulo lomasipala.

Ngenxa yokusilela kukamasipala ukuqhubela phambili esi sivumelwano, abasebenzi bangena kuqhankqalazo.

Kwinzame zokuvuselela imeko yezimali yalo masipala, amagosa nabaphathi benza iinzame ezahlukileyo ukubuyisa imali elahleke ngenxa yolu qhankqalazo.

“Sithethana nabantu sibafundisa ngokubaluleka kokuhlawulwa kweenkonzo kumasipala, sikwanesicwangciso sokusondeza kubo iindawo zokuhlawula iinkonzo, eZibeleni ayikho indawo yokuhlawula iinkonzo zikamasipala, sithetha nabo ngokubathumelela imiyalezo ezifowunini, ngamajelo eendaba asekuhlaleni nezinye iindlela,” utsho uGunuza-Nkwentsha.

Uyakuphika ukuba le meko sele ifike kwinqanaba lokuba ingangaphumi imirholo yabasebenzi. Lo masipala uquka idolophu yaseKomani, Sterkstroom, Molteno, Tarkastad neHofmeyer.

Usihlalo wombutho weSAMWU kwisithili saseChris Hani uLuzuko Yalezo, uthi iinjongo zoqhankqalazo isoloko ikukufumana izivumelwano kwingxaki ephakathi komqeshi nabasebenzi.

“Ngenene sivumelene ngokwenziwa kwezi zinto zilandelayo ukuqeshwa kwabasebenzi abangamakhesele, nokulungiswa kwemirholo yabasebenzi ihambelane nomgangatho okuwo umasipala, ukwenziwa kwezi zivumelwano ngokukhawuleza kuza kunceda ukuqinisa uzinzo,” uthethe watsho uYalezo.