Ziphindile izidlwengu kuQumbu, eZwartwater

Amapolisa aseCacadu eMalahleni awalali buthongo ukusukela ngoMvulo wale veki, ekhangela indoda ekutyholwa ukuba idlwengule izihlandlo eziliqela inkosikazi ekhubazekileyo kuQumbu eZwartwater.

Ingxelo yamapolisa ala ngingqi ithi afumene le ngxelo ngentseni ngoMvulo aza aqalisa uphando.

Othethe egameni lamapolisa kula ngingqi uNamhla Mdleleni, ungqinile ukuba ngenene amapolisa afumene iingxelo zokudlwengulwa kwenkosikazi ekhubazekileyo engummelwane kusapho lomama owabulala indoda eyayityholwa ngokudlwengula intombi yakhe.

“Amapolisa asakhangela umtyholwa emva kokufumana ingxelo zokuba kudlwengulwe inkosikazi eminyaka ingamashumi amane anesihlanu kuQumbu eZwartwater,” uthethe watsho uMdleleni.

Uceba wala ndawo uLinda Fatyela, uthi usamangalisekile sesi siganeko, kodwa unethemba kumapolisa oMzantsi Afrika.

“Ixhoba eli ngumntu okhubazeke ngengqondo, lo mfo ufike ethwele into egqume ubuso lo nto yenza ukuba angakwazi kumbona ebusweni, emva koko ucime isibane wamdlwengula kwada kwasa phandle,” ucacise watsho uFatyela.

Le lali yakuQumbu isezindabeni emva kwesiganeko sakutsha nje sokubulawa kwendoda, logama amabini amadoda athe alinyazwa ngumama wentombi ibidlwengulwa.

“Ingxaki yethu kule lali butywala obugqithisileyo nokusetyenziswa kweziyobisi ngabantu abahlala apha abangaphangeliyo,” utshilo uFatyela. Ingxelo ithi amapolisa athembise ukuba azakwenza uphando lwemfuzo kwincindi nezinye izinto ezifunyenwe kwixhoba elo.

Abahlali bala ndawo babonise inkxaso yabo kwinkosikazi eyabulala umtyholwa owayedlwengula intombi yakhe ngethuba evele enkundleni ngomhla wethoba kule nyanga.

UMdleleni uthi kuvulwe ityala lokudlwengula kwaye bacela uncedo kuluntu ukuze kubanjwe esi sidlwengu. “Abantu abanolwazi ngale ndoda bangatsalela uSajini Ndileka Bokolo kwinombolo engu 079 896 9645 okanye kwinombolo yasimahla engu 086 0010111,” utshilo uMdleleni.

Umphathiswa wamapolisa kweli uFikile Mbalula ngoLwesibini wale veki wothule ingxelo ebhentsisa izinga lolwaphulo-mthetho yonyaka-mali ka2016 eMzantsi Afrika, exelela amalungu ePalamente.

Le ngxelo ibonisa ukuba kukho ukukhula ngeeepesenti ezine ekhulwini kwiziganeko zokubulawa kwabantu, logama kukho ukuhla ngesithathu nesiqingatha seepesenti ekhulwini kwiziganeko zobundlobongela ngokwesondo.

Amalungu ePalamente avakalise inkxalabo ngenxa yokukhula kweziganeko zolwaphulo-mthetho olujoliswe ebantwaneni.

UFatyela unethemba lokuba uzakufumaneka umenzi weli sikizi.

“Umntu oqhele ukwaphula umthetho uyaphinda, uzakufumaneka lo mntu ngaphandle kwengxaki, asinqweneli kuthetha nto ininzi nanjengoko amapolisa esenza uphando.”