Amakhulu amabini eebhayisekile kubafundi baseCala

Umfanekiso: Nqobile Mbonambi

 Ukudinwa ngenxa yokuhamba imigama emide kubafundi baseCala izakuba yinto yezolo emva kokungenelela kwesebe lezothutho elizakunikeza ngeebhayisekile ezingamakhulu amabini kwaba bafundi ngoLwesihlanu.

 

UMphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni uWeziwe Tikana, uza kutyelela kwisikolo samabanga aphezulu iBatandwa Ndondo kwilali iCala Reserve ngentsasa yangoLwesihlanu ukunikeza ngezi bhayisekile.

 

Zizikolo ezihlanu kulo mmandla ekulindeleke ukuba zixhamle kwesi sipho.

 

UTikana ukwenza oku phantsi kwephulo iShova Kalula National Bicycle Partnership Project elasungulwa kunyaka ka2001 ukuncedisa abafundi abangeyonxalenye yenkqubo yezothutho karhulumente, kodwa babe behamba imigama evisayo xa besiya esikolweni. Oku ikwaluphawu lokuqaphela inyanga yeDwarha njengenyanga yezothutho.  

 

“Sizimisele ukuqinisekisa ukuba abafundi kwiphondo lethu liphela bayafikelela kwimfundo esemgangathweni. Sisebenza nzima nje kukuba sifuna kuzaliseke esi sifungo,” utshilo uTikana.

 

UTikana uzakusebenzisa ithuba lokunikeza ngezi bhayisekile ukukhuthaza abazali neenqununu ukuba ziqiniseke ngokufaka izicelo zenkqubo yothutho lwabafundi kwangethuba ukulungiselela unyaka ozayo.