Abuyela kundalashe Amakhosi, iziphumo ziyabonakala

Siyabonga Ngezana of Kaizer Chiefs celebrates goal during the Absa Premiership 2017/18 match between Mamelodi Sundowns and Kaizer Chiefs at Loftus Versveld Stadium in Pretoria, South Africa on 17 October 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Enye yezinto
eyayifudula iqaqambe ngazo iKaizer Chiefs kwiminyaka eyadlulayo kukuzivelisela
abadlali bayo abatsha. Lo nto iye yatshitsha kwiminyaka edlulileyo ngenxa
yokuthathelwa phezulu kokuthengwa kwabadlali asele bevutshiwe okanye
bekulungele ukudlala kwinqanaba eliphezulu. Nangona isizini isentsha, umqeqeshi
weChiefs, uSteve Komphela, uye wavelelwa yingxaki yokonzakala kwabadlali – lo nto
imnyanzele ukuba asebenzise abadlali abatsha. UWiseman Meyiwa ngomnye wabadlali
abathe bazibonakalisa ngokufaka igowuli kumdlalo wokuqala kule sizini emva
kokunikwa ithuba elinqabileyo nguKomphela. NgoLwesibini wale veki uKomphela
asebenzise uSiyabonga Ngezana engenamava enjalo umdlalo wePSL iChiefs ebethe
kuwo iMamelodi Sundowns ngo’2-1 eFNB Stadium.

UNgezana uthathe
indawo kaKgotso Moleko obedlala endaweni kaRamahlwe Mphahlele owonzakalayo
naye. Ngethamsanqa, uNgezana uye waqingqa wade wabuya negowuli lempumelelo –
eyona nto azibonakalise ngayo kubalandeli bebhola eMzantsi Afrika abashiye
bezibuza imibuzo ethi: ngubani uSiyabonga Ngezana? Lo mdlali yinzalelwane
yaseTholeni kwiphondo laKwaZulu Natala. Ngomnye wabadlali abanyuselwe yiChiefs
emva kokwenza umsebenzi oncomekayo kwiqela elidlala kwiMultiChoice Diski
Challenge. UNgezana ngumdlali odlala ephikweni owenza, onamendu kwaye okwaziyo
ukuncedisa iqela xa lihlasela. Ulibonisile ilizwe lonke ngethuba efaka igowuli
ngentloko kwiSundowns. Ukuqhuba kakuhle kwabadlali beChiefs abathathu
eziveliseleyo kule sizini kuthetha ukuthi inkqubo yayo yokuzakhela abadlali
iyasebenza futhi ingayimpendulo kwiingxaki enazo.

Ngokufumana
kwakhe igowuli kumdlalo wakhe wokuqala uNgezana, ngoku ubalwa phakathi
kwabadlali abafana noMeyiwa, uMandla Masango, uCollins Mbesuma noSiyabonga
Nkosi. Noxa enonyawo oluhle nje ebholeni – kodwa xa ungumdlali kufuneka
ubenengqondo yebhola yokufunda umdlalo – lo nto kuyabonakala ukuba uyifundisiwe
ngethuba esadlala kwiMultiChoice Diski Challenge. Emva kokudlala umdlalo wakhe
wokuqala lo mdlali uthi umqeqeshi wakhe umxelele ukuba makadlale umdlalo
ngaphandle kokuxhamazela. “Umqeqeshi uthe mandidlale ngendlela yam yesiqhelo.
Ukwathe thina badlali abatsha siyimpendulo kwaye masisoloko sinceda iqela,”
utshilo uNgezana.

Ngenxa
yokutshintsha kwezinto kwibhola yanamhlanje, abadlali abatsha abasawafumani
amathuba okudlala ngenxa yabalandeli abafuna iziphumo ngokukhawuleza – lo nto
yenza abadlali baphelele emoyeni.