‘Asisebenzeli Sathana thina’

UMzuvukile Siswenye Manxiwa we-Embo Black MovementUMFANEKISO: UTHUNYELWE

Imbongi yaseRhini uMzuvukile (Siswenye) Manxiwa, uthi ziyamkhathaza iingxelo ezisasazwa ngamagosa esebe lemidlalo, izithethe nenkcubeko eMpuma Koloni, ezithi bubugqwirha ukuthengiswa kwezipeliti zeBlack Power ezinobuso bamaqhawe aseAfrika.

Lo kaManxiwa ulilungu le-Embo Black Movement ephakamisa ukuzingca ngobu-Afrika kuma-Afrika.

“Sithengisa ezi zipeliti zinobuso bala maqhawe, ngazo siyafundisa logama sikwaqinisa idabi lethu lokuqinisa ubu-Afrika kuma-Afrika, la magosa athi sisebenzela uSathana ngokwenza le nto,” uthethe watsho uManxiwa.

Phakathi kwamaqhawe abonakala kwezi zipeliti kukho uThomas Sankara, Mangaliso Sobukhwe, Marcus Garvey nabanye.

UManxiwa uthi amagosa ahlelele ukuthuka abantu abathengisa ezi zipeliti aseAliwal North naseMonti, exelela uluntu ukuba bohlukane nokuthenga ezi zipeliti zikaSathana.

“Sihambiselana neentshukumo zeBlack Power ezikhuthaza ukuzingca kwabantu abamnyama, logama bekhula bakwazi ukuzimela ngazo zonke iindlela, ayibobugqwirha iBlack Power,” uthethe watsho uManxiwa.

Iintshukumo zeBlack Power zaqala eMelika ngeminyaka ka1950 nalapho amaqela wabantu abamnyama babemanyana besilwela ukukhululeka kwabo kwingcinezelo yelo xesha.

UMartin Luther King ngomnye wabo babezimanye neli dabi lalisilwela ukukhulula abantu abamnyama kwihlabathi, eMzantsi Afrika lisetyenzisiwe eli gama ngamaqela ezopolitiko ngeminyaka yoo1980 nangaphambi koko.

“Asisoze siyeke ukwenza le nto yokuthengisa ezi zipeliti kuba siyayazi ukuba asisebenzeli Sathana thina, esingazukukwenza kukuvumela ukuxhatshazwa nokudelelwa ngabantu abanolwazi oluncinci ngeziqu zabo,” utsho uManxiwa.

UKwame Ture yinkokeli yokuqala ukusebenzisa igama elithi Black Power elibhekiselele kubunganga bokuzazi nokuzingca komntu omnyama eAfrika.

“Siza kuzithengisa ezi zipeliti zeBlack Power nokuba bazibiza ukuba zezikaSathana, bafuna ukuba sisoloko sincoma ezi nkokheli zabo zopolitiko zingasenzeli nto,” utsho uManxiwa.

Ukutshutshiswa kwala maqhawe kuqale eRhini ngenyanga yeSilimela kulo nyaka ngethuba kuqhutywa umnyhadala weWord Fest.

Le mbongi yenye yezo bezigxeke ngokumandla umongameli uJacob Zuma ngethuba ibonga kumnyhadala wenkcubeko eRhini ngenyanga yeKhala kulo nyaka.

Isithethi sesebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko kweli phondo uAndile Nduna uthe: “Emva kwalo mnyhadala kuye kwenziwa intlanganiso nabo bonke abantu abebethatha inxaxheba, asikho isikhalazo esikumila kunje esikhe sangena, kwa ngela xesha bekuqhubeka umnyhadala iimbongi nabanye abantu bebenikwe ithuba lokuvakalisa izikhalazo zabo.”