Amanye amatyala kwisidlwengu saseNMU

Iza kuvela kwinkundla kamantyi eBhayi ngoMvulo indoda ejongene namatyala amabini okudlwengula abafundi eNelson Mandela University. 

Lo mrhanelwa uneminyaka engamashumi amabini anethoba kulindeleke ukuba awavume la matyala ngokwegqwetha lakhe lakwa Legal aid, kwaye usirhoxisile isicelo sebheyile ngethuba evele kancinane enkundleni ngale ntsasa. 

Eli gqwetha likwadize nokuba umrhanelwa sesuk’ okudontsa isigwebo sokuphanga nokuhlasela ngenjongo yokwenzakalisa ngethuba lelo phango.

 Ibigcwele iphuphuma inkundla ngethuba umrhanelwa evele enkundleni emva kokudlwengula esi sibini sabafundi,  waze wahlaba omnye umfundi wamenzakalisa ngobusuku bangoMvulo. 

Umrhanelwa ubanjwe ngoLwesithathu kumbindi wedolophu yaseBhayi ngethuba ezama ukuthengisa oonomyayi abaxuthe kumaxhoba kwakunye nekompyutha ayibe kwakweli ziko lemfundo ephakamileyo. 

Ngethuba evele phambi kwenkundla,  ngaphandle kwenkundla amakhulu-khulu abafundi, amaqela ezopolitiko kwakunye nemibutho elwa nokuxhatshazwa kwabasetyhini ibambe umngcelele woqhankqalazo. 

Abafundi bebephephezelisa amaphekepheke athi mayibolele ngaphathi eziseleni le nja, ngelixa abanye besithi makagwetywe ubom.

 Nangona lingekachazwa igama lomrhanelwa njengoko engekaphefumli ngezityholo ukususela ngoLwesibini,  imifanekiso yakhe  ibigcwele kumakhasi onxibelelwano. 

Isithethi samapolisa aseBhayi uKheneli Priscilla Naidu uthi kulindeleke ukuba kongezwe amanye amatyala kulawo sijongene nawo esi sidlwengu