Andile Lungisa: Andinaxesha leentsomi

U-Andile Lungisa ethetha kwinkomfa yeANC, eMonti ngoMgqibelo.

“ABANTU abathi kwiANC kukho isithethe esithi uSekela Mongameli kufuneka abenguMongameli, mabagoduke baye emakwabo bafike babalisele abazukulwana babo loo ntsomi.”

Oku kuthethwe nguAndile Lungisa, obesakuba nguSekela Mongameli wekhaba lolutsha kwiANC, ngethuba encokolela I’solezwe bucala kwinkomfa yeANC yephondo ebibanjelwe e-ICC eMonti kwimpelaveki esiyishiya ngemva.

ULungisa uthi iANC ikhokelwa yimigaqo-nkqubo hayi izithethe.

“Sisithethe esingekhoyo eso, esenziwa ngabantu abathi xa bephelelwe yinto yokuthetha bathethe iintsomi, basibalisele iintsomi.

“KwiANC zange kwabakho sithethe, xa liphelile ixesha lalowo usesihlalweni, kukhangelwa enye inkokeli elungele loo miceli-mngeni yelo xesha. Xa ke abantu bephelelwe zizinto zokuthetha, mabaye kumakhaya wabo bafike babalisele abazukulwana babo iintsomi,” utshilo uLungisa.

ULungisa, owaziwa ngokuthetha phandle, ubongoze ukuba abo “babalisa ezi ntsomi” mabakwenze oko kukho oomakhulu babo.

“Abo basixelela ukuba uSekela Mongameli unesithethe sokuba abenguMongameli, mabaye kumawabo bafike bahlale phantsi kubaliselwe iintsomi abazukulwana kukho noomakhulu. Iintsomi zizinto zokubaliswa ekhaya hayi kwiANC.

“Ngoku siya kwinkomfa [kweyoMnga], futhi ke into esiyamkelayo sisibhengezo esenziwe nguMongameli esithi akazukuzigqatsa, siyayamkela lo nto kuba uMongameli Zuma ebenalo ilungelo lokuzigqatsa kwakhona ukuba ebefuna.

“Lo nto ithetha ukuba wonke umntu ofuna ukuzigqatsa angenza njalo, nam lo ukuba ndiyafuna ukuba nguMongameli ndingenza njalo kuba ndililungu leANC elipheleleyo,” utshilo uLungisa.

Kodwa uXolile Nkompela, ongusihlalo weANC kwingingqi i-OR Tambo, uthi nguZuma buqu owabaxelelayo ngesi sithethe sokuba uSekela Mongameli ufanele ukuba nguMongameli.

“UMongameli Zuma wayeqhele ukusixelela ngesi sithethe ngethuba etyelela ingqingqi yethu esenguSekela Mongameli. Sayikholelwa lo nto futhi samxhasa njengokuba enguMongameli namhlanje.

“Asikajiki ke kulo nto, yiyo le nto sixhasa uSekela Mongameli Cyril Ramaphosa kwaye sizakumvotela abenguMongameli,” utshilo uNkompela.

Yena unobhala weANC kwingingqi iSarah Baartman, uScara Njadayi, uthi nabo balandela esi sithethe sokuba uSekela Mongameli ufanele ukuba nguMongameli.

“Asigungqi kulo nto, sizakuvotela uRamaphosa,” utshilo uNjadayi.