UVIMBA WEMIBONGO

Undikhulise ngomthandazo,

Wandiqeqesha undikhulisa kunzima,

Kungekho nto ilula kodwa uzama, Ndingumathambo ndisitya amathambo,

Isinqina-nqina sebhityo esingenzi mdla,

Imifino iyimifuno efunekayo,

Ivumba lekhaphetshu lifana nelenyama,

Kwakungekho nto intle kodwa ndinguNomhle,

Isono sakho siyintoni mama?

Wandibamba wandifaka phantsi kwekhwapha,

Wandigusha njengesikhukhukazi,

Wandanga wandiphuz’ ebunzi,

Wabhekisa amabini amathathu ,

Wathi kuzolunga mntanam nokuba kunini”,

Undikhusela kontloyiya balo mhlaba, Ndazibon’ iinyembezi kuwe zisiwa,

Inyembezi zothando nosizi,

Selindiphelel’ ithemba lokuphil’ impilo engcono,

Wandikhulisa phantsi kwemeko enzima,

Ndangumntu phakathi kwabantu.

Wakhul’ ucwethe wazibon’ ubukhulu, Labhabhela phezul’ igqaza lizenza ingqanga,

Lalibala ukuba amanz’ asemhlabeni,

Yaphakam’ intokazi yalibala ngemvelaphi,

Yantingel’ emafin’intambanan’ ingananze mntu,

Usizana olungamama oludla iinqoba,

Oluzale umntwana wabuya wakreqa kuye,

Ndalahl’ intembeko ndachol’ ubutyhifili,

Andiyonzala yezimanga ntonje ndizifak’ emanyaleni,

Isono sakho mama siyintoni?

Isono sikamama bububi nokungafundi,

Ukungathathi-ntweni ngunozala wembambano,

Ityala likamama kukunkcenkceshela ithanga elifelwe ngumlibo,

Ukuhlakulel’ umkhiwane kant’ unced’ impethu,

Namhlanje ubizwa ngegqwirha kub’ ehlupheka,

Vul’ intliziyo yakho mama uyibike kuMvelingqangi,

Andithwetyulwanga ndingathakathwanga ntonje ndithanda izinto,

La manyala andishiye ndimanyonywana.

Ndisetyenziswe nguSathana ndingaqondanga,

Wandiqhiwula wandenz’ ingqongqo,

Ebeyephi uThixo ngelo xesha?

Ndipatazela ndipatanisela umabil’ebanda,

Iinyembezi zikamama zinegalelo nakule meko ndikuyo,

Thetha nam Qamata ngezwi lakho,

Izihlobo abahlobo nabahlohli bohlulakele,

Iintanga zam ziyakunqandwa zinkwenkwezi,

Mna ndiyakunqandwa yintshabalalo,

Ityala alikho kuwe mama

“NDIZENZILE”.