UPitso Mosima uchaza isizathu esibethise iSundowns

Iinzame zeMamelodi Sundowns zokukhusela indebe yeCaf Champions League ziwe phantsi izolo. Amasandawana abethwe yiWyadad Casablanca ngo’3-2 kumapenela emva komdlalo obunzima weChampions League kwibala ekuthiwa yiPrince Moulay Abdellah Stadium izolo ebusuku. ICasablanca iwuphumelele umdlalo wayizolo ngo’1-0, lo nto yathathe ukuthi iCasablanca iyalingana neSundowns ephumelele ngo’1-0 umdlalo wokuqala eLucas Moripe Stadium kwiveki ephelileyo. Kuye kwanyanzeleka umdlalo uye kumapenela – kulapho iDowns ibethwe khona.

Ukubethwa kweMamelodi Sundowns kuthetha ukuthi ayizukwazi ukuyikhusela indebe yeCaf Champions League eyiphumelele okokuqala kunyaka ophelileyo (ngo-2016). Konke okwenzekileyo akwenzekanga ingazamana iSundowns – kodwa umqeqeshi wayo ukhala ngomncedisi kasompempe njengonobangela wokubethwa kweqela lakhe izolo. “Ndicinga ukuba sabethwa ePitoli ngoba kwathiwa silalele izihlandlo ezithathu zonke. Usompempe ukhale ngoba silalele kwabe kungenjalo. Ngesifake amagowuli amathathu njengokuba sasenzile kwiZamalek. Imbi kakhulu into eyenzeka ebholeni,” utshilo uPitso Mosimane.

Phambi kokunduluka kwabo abadlali beDowns ekuqaleni kwale veki, bebesazi kakuhle okokuba kufuneka badlalele ukuphumelela umdlalo endaweni yokukhusela abakufumene kumdlalo weveki ephelileyo ngoba ukudlalela kude nekhaya akululanga. “Ndicinga ukuba sidlalela kakuhle emdlalweni. Besizokudlala apha, hayi ukuhlala emva – ngelishwa ke amapenela aphunyelelwa nokuba ngubani. Sidlale ngokuzimisela apha ngoba besingoyiki ukubethwa kwaye bebephantsi koxinizelelo. Bebengakwazi nangoku ukukhupha ibhola emhlabeni wabo – kodwa badlale kakuhle kwisiqingatha sokuqala,” utshilo uPitso emva komdlalo.