Ugwetyiwe owabulala isinqandamathe sakhe

Ugwetywe amashumi amabini enkoloza kwezimnyama izisele uAsanda Mlungisi (27), egwetywa yinkundla yamatyala akuGatyana emva kokufunyanwa enetyala lokubulala owayethandana naye.

Ingxelo eziphuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha zidiza ukuba esi sibini besinomntwana. UManatha uthi uMlungisi wabulala umama womntwana lo kuba emkrokrela ngokuthandana ecaleni.

Ixhoba (25) laxulutywa ngamatye labulawa nguMlungisi. Oku kwenzeka kwinyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo kwilali yaseQwaninga kuGatyana.

Kusenjalo, kugwetywe uJongikhaya Apleni (30) emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula yinkundla yakuGatyana.

UManatha uthi uApleni wadlwengula ixhoba elinamashumi amabini kweyeThupha kunyaka ophelileyo kwilali yaseBojini kuGatyana. Ingxelo ithi ixhoba lalisuka kwilali yaseShixini lisiya eBojini ngethuba uApleni efuna ukulala ixhoba ngenkani emva kokumcela ukuba amkhaphe.

UManatha uthi umkomishinala wamapolisa kwiphondo leMpuma Koloni uzamkele izigwebo ezibekwe kwaba benzi bobubi esithi oku kwakuthi kube sisifundo kwabo baneengcinga zokubulala abasetyhini nabangakwazi ukuzilwela.