UZakes Bantwini ubhiyozela uthando, ukukhanya nomculo eMonti!

Abathandi bengoma nomjuxuzo bazakube besonwatyiswa nguZakes Bantwini ekupheleni kwale nyanga.

UZakhele Madida, nodume ngelikaZakes Bantwini kubathandi bomculo, uzakube enyathela eMonti ngowe-29 kweyoMsintsi 2017.

UBantwini uzakube esiza neBang Bang Bang Tour okokuqala kumhlaba weMpuma Koloni.

I’solezwe linqakule uZakes Bantwini ngomnxeba, limgoca-goca ngemibuzo malunga nolu khenketho lwakhe.

“Kudala ndayithanda iMpuma Koloni, ngoko ke ndiqondile mayibe ngeyokuqala ukungcamla kwezi ngoma zam zintsha nanjengoko kudala bendizingela,” utshilo uZakes.

Le mvumi eyaziwa kakhulu ngeengoma ezifana noClap Your Hands, Bum Bum noWasting My Time – ikhuphe icwecwe layo elitsha elithi Love, Light and Music 2.

“Ndizakube ndize neBand yam, ziiyure ezimbini zobumnandi eqongeni, ndisungula icwecwe lam elitsha. Izakube ikokokuqala eMpuma Koloni,” esitsho ngochulumanco uZakes.

Le nzalelwane yakwaMashu eThekwini, ithi ukuba ibinokukhetha ukuzalwa kwakhona, iMpuma Koloni bilelona phondo ibinokulikhetha.

“Bendinokuba ngowaseBhayi okanye eMonti, ndiyazithanda ezi dolophu, ingakumbi iMonti,” kutsho uZakes Bantwini.

UZakes, 36, usebenze neemvumi eziliqela kwiqonga lomculo loMzantsi Afrika, phakathi kwazo singabalula uBlack Coffee ngengoma yabo uJuju, waze wafumana ukutyunjwa amatyeli aliqela kumawonga weeSAMA.

Wafundela umculo kwiYunivesithi yeZobuchwepheshe yaseThekwini (DUT), wenza iJazz and Music Perfomance eUKZN, waze wenza nezifundo zeSocial Entrepreneurship kwiYunivesithi yasePitoli.

UZakes uthi ukuba zange abawele ukufana nemvumi yaseMelika uR. Kelly, mhlawumbi ngengazange abe yimvumi.

“Eyona nto yayindisa emculweni kukunqwenela ubomi bukanokutsho, ubomi obuntofo-ntofo. Nam ndandifuna ukuphila impilo ephilwa ngoo-R. Kelly,” utshilo.

UZakes uyavuma ukuba ngokwenene ayikho impilo efana naleyo wayeyiphupha kweli khondo lomculo.

Ucele abantu ukuba bazifumanele amatikiti eComputicket kusengethuba kuba angaphela nanini ukususela ngoku.

Ebengekaqiniseki ukuba uzakube ehamba nowakwakhe uNandi kwisini na ngobu busuku.

“Andikazi, siza kubona xa iintsuku zisondele,” utshilo. Esi sibini sisandul’ukuzimanya ngeqhina lomtshato kwaye sele sinomntwana kunye.

UZakes uzakube ekhatshwa nguDJ Bongs owaduma ngengoma ethi Thina Sobabili.

Umcimbi uzakubanjelwa eThe Venue eHemingways, kwaye itikiti lixabisa imali engange-R150.