Ifumana izigrogriso intwazana ena-16 emva kokubulala ‘isidlwengu’

Intwazana eneminyaka elishumi elinesithandathu yaseMndundu kuGatyana ifumama izigrogriso zokubulawa emva kokuzilwela “kwisidlwengu”, apho isihlabe ngemela sabhubha ngoko nangoko.

 Esi sehlo, ngokokutsho kukaKapteni Jackson Manatha, senzeke kuLwesihlanu weveki ephelileyo (umhla wesibhozo kule nyanga).

 “Into eyenzekileyo, kucaca ukuba le ntwazana ibiyo kubona iqabane layo ze eli qabane lacela umhlobo walo (lo obhubhileyo), lifuna indawo yokulala. Ngenene eli qabane lale ntwazana liye layinikwa indawo yokulala.

 “Ekuzeni kusa, kungene umnxeba wenye intombazana kweli qabane lale ntwazana ze lo mfana wayokuxelela umhlobo wakhe ukuba uya kwenye intombazana, uyayishiya le ntwazana ebeze nayo. Kulelo xesha ke lo mfana, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, uye wayokunkqonkqozela le ntwazana wavula ngenkani, ezama ukudlwengula le ntwazana.

 “Ekujijisaneni, le ndoda iye yahlatywa yile ntwazana kumhlaba ongentla yabhubha,” utshilo uManatha.

 UManatha uthi emva kwesi sehlo, kuvakala ukuba usapho lwalo mfana ubhubhileyo lufuna ukuziphindisela kule ntwazana lusithi aluzukungcwaba lodwa. “Le ntwazana ithathwe yasiwa kwindawo yokhuseleko. Okwangoku besingekayibeki ityala, isekoonontlalontle, kuba iselula ngokweminyaka. Kodwa ke uzakuvela enkundleni kuba wenze ulwaphulo-mthetho,” waleke ngelitshoyo uManatha.

 Esi sehlo saseMndundu siphantse sifane neso saseZwarwater kuKomani apho inkosikazi eneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu ihlabe “izidlwengu” ezithathu, apho omnye kubo ethe wabhubha logama abanye baye bonzakala.

 Le nkosikazi ikwenze oku emva kokufika la madoda mathathu efolele umntwana wakhe (oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe) bemdlwengula. Amapolisa ayibambile le nkosikazi yakuKomani ayibeka ityala lokubulala nelokuzama ukubulala. Izakuvela kwakhona enkundleni ngomhla wesithoba kwinyanga ezayo emva kokukhutshwa ngebheyile yamakhulu amahlanu eerandi.