Kubhaqwe umkhuhlane weenkukhu eTinarha

Umkhuhlane weenkukhu neentaka iAvian Influenza,  ohlasele amaphondo athile kweli ubhaqiwe eTinarha kweli leMpuma Koloni. 

Ingxelo yeSebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle eMpuma Koloni , ithi ifama esibhaqwe kuyo esi sifo yifama evelisa iinkukhu ezininzi kakhulu. 

Othethe egameni lela sebe uMvusiwekhaya Sicwetsha uthi sele beqalisile ukwenza iinzame zokuthintela ukunaba kwesi sifo. 

”Kule fama nakwezinye iindawo zeMpuma Koloni esikrokrela ukuba sikho esi sifo sele kuqaliwe ukunyangwa kwezo nkukhu logama kukwathintelwa ukunaba kwaso,” kutsho uSicwetsha.

Lo mkhuhlane weenkukhu neentaka uqale ukubonwa kwilizwe laseZimbabwe ekuqaleni kwalo nyaka, waza urhulumente weli wakhupha umyalelo wokuba zingangeni kweli iinkukhu neentaka eziphuma eZimbabwe.

Ngenyanga yeSilimela,  lo mkhuhlane ubhaqiwe kwiphondo laseMpumalanga ngenxa yokuba ela phondo lisabelana ngemida nelizwe laseZimbabwe.

“IfUmkhuhlane wenkukhu neentaka iAvian Influenza ohlasele amaphondo athile kweli ubhaqiwe eTinarha kweli leMpuma Koloni. Ingxelo yesebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni ithi ifama esibhaqwe kuyo esisifo yifama evelisa iinkukhu ezininzi kakhulu. Othethe egameni lelasebe uMvusiwekhaya Sicwetsha uthi sele beqalise ukwenza inzame zokuthintela ukunaba kwesisifo. ”Kulefama nakwezinye iindawo zeMpuma Koloni esikrokrela ukuba sikho esi sifo sele kuqaliwe ukunyangwa kwezonkukhu logama kukwathintelwa ukunaba kwaso,”uthethe oko uSicwetsha.Lomkhuhlane wenkukhu neentaka uqale ukubonwa kwilizwe laseZimbabwe ekuqaleni kwalonyaka, waza urhulumente weli wakhupha umyalelo wokuba zingangeni kweli iinkukhu neentaka eziphuma eZimbabwe.

 

Ngenyanga yeSilimela lomkhuhlane ubhaqiwe kwiphondo laseMpumalanga ngenxa yokuba elaphondo lisabelana ngemida nelizwe laseZimbabwe.”Ifama zenkukhu ezikumgama wekilomitha ezintathu ukusuka kwenye ukuya kwenye zizakunyanzeleka ukuba zigonywe ukuthintela ukuhamba kwesisifo, amagosa abeke phantsi kweliso elibanzi zonke ifama zenkukhu eMpuma Koloni ukusukela ngoku,”ucacise watsho uSicwetsha. Le ngxelo ithi ezinye zenkukhu ezifile zithunyelwa kwiziko elilodwa ukuze zikhangelwe kakuhle unobangela wokubhubha kwazo,itsho ingxelo.

 

“Silisebe sibongoza amafama weenkukhu ukuba aqhakamshelane namagosa wethu axele ingxaki azibona kwinkukhu zawo, phambi kokuba kubekho ingxaki enkulu,”uthethe watsho uSicwetsha.

Iifama zeenkukhu ezikumgama wekhilomitha ezintathu ukusuka kwenye ukuya kwenye zizakunyanzeleka ukuba zigonywe ukuthintela ukuhamba kwesi sifo,  amagosa abeke phantsi kweliso elibanzi zonke iifama zeenkukhu eMpuma Koloni ukusukela ngoku,” ucacise watsho uSicwetsha. 

Le ngxelo ithi ezinye zeenkukhu ezifileyo zithunyelwa kwiziko elilodwa ukuze zikhangelwe kakuhle unobangela wokubhubha kwazo, itsho ingxelo.

 “Silisebe sibongoza amafama weenkukhu ukuba aqhagamshelane namagosa wethu axele iingxaki azibona kwiinkukhu zawo, phambi kokuba kubekho ingxaki enkulu,” uthethe watsho uSicwetsha.