UJantjies uzakuqinisekisa ngekamva lakhe kwiiBoks ngoMgqibelo

Uthatyathwe ngu: Anne Laing weSA Rugby Magazine
Iya ngokukhula inkxalabo kwiqela lesizwe lombhoxo iSpringboks njengokuba liza kujamelana ne-All Blacks kule mpelaveki siya kuyo. Unobangela wexhala, umqeqeshi uCoetzee akakaqiniseki ngoyena mdlali azakumsebenzisa kwindawo ye-flyhalf.

 

Okwangoku uElton Jantjies nguye odlala njengeflyhalf, kodwa kwiveki ephelileyo khange adlale ngendlela encomekayo, ngelixa iiBoks zibambene neWallabies ePerth. 

Khange atshintshwe uJantjies, nangona umdlalo wakhe ubuzele iimpazamo kwiveki ephelileyo. 


NgoMvulo umbutho olawula umbhoxo kweli, i-SARU, ide yagqiba kwelokuba imkhulule uPatrick Lambie ozakudlala eFrance. Ibinguye ke ithemba leBoks kwiflyhalf. 

Ukuhamba kukaLambie kuthetha ukuba, ngoku uxinizelelo lizakuba kuJantjies kwakhona obegutyungelwe kakhulu ngumenzakalo kunyaka ophelileyo.

 

Umdlali ongancedisana noJantjies nguHandre Pollard,  kodwa akanokwazi kuba oko ehlutshwa kukwenzakala phantse yonke isizini yeSuper Rugby yalo nyaka. 

Khange afumane thuba laneleyo lokudlala kwiiBulls. UPollard soze akwazi ukudlala kule veki kwiBoks, kodwa uCoetzee umfakile kweli qela ukuba ahlale esitulweni. Into enokumenzela ithemba umqeqeshi kukuba usengaphinda amsebenzise uLambie kwiBoks, kuba uzakudlalela iqela iRacing 92 eFrance.


 Abanye abadlali abanokudlala kule ndawo yeshumi, baquka uCurwin Bosch noDamien Willemse kodwa baselula kakhulu.


NgoMgqibelo kuza kunyanzeleka ukuba uJantjies azibonakalise ukuba ukulungele ukuthwala iiBoks kwiflyhalf. Udlala ngokubalaseleyo kwiSuper Rugby, xa efikelela kwiqela lesizwe uyabetheka. 

IiBoks ziza kujamelana neentshatsheli zendebe yehlabathi iNew Zealand kumhlaba wayo e-Albany ngoMgqibelo. 

Enye into ezakudlalisa kakubi, kukuba iBoks ziya kweli dabi ngaphandle kwabadlali abadala nabanamava abafana noWarren Whitely, Duane Vermeulen, Frans Malherbe. 


Ngaphandle kwamathandabuzo iiBoks azisekho kukhuphiswano lwendebe, kodwa ukuphumelela kwazo kungakhusela isidima sombhoxo wesizwe, ngelixa ukuphumelela kwee-All Blacks kuza kuzisondeza ethubeni lokubamba lendebe kwakhona.