UTendai Ndoro uzakudlalela iqela laseSaudi Arabia!

Amabhakaniya azakudlala ngaphandle kwefolosi yawo ephambili kule sizini. UTendai Ndoro (29), odume kakhulu ngokufaka amagowuli kwi-Absa Premier Soccer league ngokungenambaliso, uzakudlalela iqela laseSaudi Arabia elibizwa ngokuba yi-Al Faisaly FC emva kokuthingiswa kwakhe yi-Orlando Pirates. Ukuthengiswa kwalo mdlali kuyothusa emva kokusokola kwePirates kwisizini edlulileyo kwicala lokuphumelela imidlalo – kodwa kwelinye icala lithuba elihle kuNdoro lokuvuselela ikhono lakhe nokuzenzela imali njengokuba evale isizini [ka-2016/17] engasayiqali imidlalo.

Isizini yePSL ka-2016/17 yeyona ibintle kuNdoro ukusukela oko wafikayo eMzantsi Afrika; ufake ishumi elinambini lonke lamagowuli kwimidlalo engamashumi amabini anesine. Uye washiywa nguLebogang Manyama weCape town City ngegowuli elinye qha ekupheleni kwesini. Ukuhamba kwalo mdlali kubhengezwe namhlanje yiBucs kwikhasi layo lonxibelelwano, uTwitter, emini nje. “Umdlali oyifolosi, uTendai Ndoro, uzakuphoswa ngumdlalo wanamhlanje we-Absa Premier Soccer league ophakathi kwePirates neBaroka FC. Siliqela sifuna ukungqina okokuba lo mdlali waseZimbabwe simthengisele i-Al Faisaly Football Club. UNdoro uzakwenza uvavanyo lwempilo phambi kokutywinwa kwesivumelwano ngokupheleleyo,” itshilo ingxelo ekutshwe yiPirates namhlanje.

Phambi kokudlalela iPirates, uNdoro wazenzela igama elihle kwiMpumalanga Black Aces eyabhangiswayo emva kokuthengwa nguJohn Comitis owayitshintsha igama ngo’2016. Nakubeni engafumenanga xesha lokudlala eloneleyo kwimidlalo ye-2017 Afcon ebibanjelwe kwilizwe laseGabon ekuqaleni kwalo nyaka – kodwa uNdoro wabuya negowuli kumdlalo owawuphakathi kweZimbabwe neTunisia.