UKhanyisa ukhupha icwecwe leshumi

Khanyisa Nkantsu

Imvumi ezenzele igama eMpuma Koloni kumculo wokholo, uKhanyisa Nkantsu uzakube esungula ngokusesikweni icwecwe lakhe elitsha kraca, nelileleshumi ukuza kuthi ga ngoku.

Eli cwecwe, elineengoma ezilishumi elinesine eziquka ingoma ethi ‘Ewe Lowo’, liza kusungulwa kwicawa yase-Imonti Assemblies of God ngeCawa, umhla wesithandathu kule nyanga.

“Ndigqibe kwelokuba xa ndikhupha icwecwe leshumi, ndikubhiyozele oku kwicawa yam, nalapho ndenziwe khona, ndaze ndakhuliswa khona ngokomoya. Izakube iyimini enkulu kum nalapho ndiza kube ndibulela kuThixo ngenxa yokulunga kwakhe. Akakufaki entweni uThixo akushiye, into ayiqalileyo uyayifeza,” utshilo uKhanyisa.

Eli cwecwe leshumi lilandela abanye oobhazabhaza bamacwecwe ale mvumi naquka * -We Are Ready nathe wamshicilela kunyaka ka’2015 ekhatshwa ngunyana wakhe * -Inamandla.

Ukanti amanye amacwecwe akhe aquka, * -Ezintweni Zonke, Ungcwele Somandla, Xa Simi Ngakuwe, Udumo, Amandl’ovuko kunye nezinye.

Ngonyaka ka-2015 uKhanyisa wathi wenza imbali ngokusungula icwecwe lakhe lesithoba kunye nonyana wakhe owayeminyaka ilithoba, * -Inamandla Sabuka. Kwinqaku elaphuma kweli phephandaba ngonyaka ka-2015 uKhanyisa wayengawuvali umlomo ngesakhono esathi sakhethwa ngunyana wakhe ebuncinaneni bakhe.

Kweli cwecwe lakhe litsha uKhanyisa usebenze noMxolisi Mhlongo, uShadrack Ndlovu kunye noMacozoma.

Ukanti iimvumi azakwabelana nazo ngeqonga uKhanyisa ziquka uVeliswa, uBethusile Mcinga, uDumi Mkokstad, uJumbo, uMawethu, uLuleka Mhlanga, uV-Sholo, uThumeka, uBonginkosi, no-Inamandla Sabuka.

UKhanyisa wongeze ngelithi bazakuba ne-Live Band ngalo mhla, nalapho ekubeke kwacaca ukuba abanavalo, makulindelwe okuhle kodwa.

Ukwathe uluntu oluzakuthi luzibandakanye nabo ngolu suku luzakuvuseleleka, kwaye lusikelele yingoma ezakube isitsho ngalo mhla mkhulu.

Amaxabiso okungena emnyango likhulu leerandi (R100) umntu omdala, ize ibe ngamashumi amahlanu eerandi (R50) umntwana. Bazakuqala ukutsholoza ngentsimbi yokuqala de kube ngokuhlwa.

Ungaphoswa!