Akanancwadi yesazisi unkosikazi kaRobert Sobukwe

UZondeni Sobukwe nonyana wakhe uDini Sobukwe kunye nabasebenzi basesibhedle ngethuba ephuma esibhedlele eMidlands Hospital eRhafuUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

iNkosikazi yegqala lomzabalazo elaseka umbutho wePAC uZondeni Veronica Sobukwe (89) oyinkosikazi kaMangaliso Robert Sobukwe sele enenyanga ezimbini elinde isazisi sakhe.

Eli qhawekazi lomzabalazo liphila ubomi obungalifanelanga ngenxa yemeko ezingentle entlalweni yakhe.

Ukusukela oko kuqale lonyaka umama uSobukwe ungene ephuma kwisibhedlele saseRhafu ngenxa yokugula okubangelwa kukuguga.

Evakala edanile ngenxa yoku unyana wakhe uDinilesizwe Sobukhwe uthi kudala bezama ukuba afumane isazisi sakhe.

“Ayikho into esingayenzanga ukuqinisekisa ukuba uyayifumana incwadi yesazisi yakhe kwisebe lezekhaya apha eRhafu, kodwa kude kwangoku akakayifumani,” kutsho unyana kaRobert Sobukwe, uDinilesizwe.

Kutyelelo leliphephandaba lokugqibela kwikhaya lakwaSobukwe eRhafu lo mama wayegula ngenxa yesisu esachazwa ngokugqirha ukuba kukusilela komzimba okubangelwa bubudala.

“Emva kokuba benizile ukuza kumbona ungene esibhedlele izihlandlo ezininzi kuba sele emdala noko ngokufane ahlaselwe nayinto enganamsebenzi.

URobert Sobukwe nguye owasungula umbutho wePAC ngonyaka ka1959 emva kokushiya umbutho wolutsha leANC.

USobukhwe uhleli iminyaka esixhenxe esiqithini eRobben Island ngenxa yezimvo zakhe zopolitiko ingakumbi kumcimbi wobunikazi bomhlaba kweli.

Le nkosikazi yazimanya ngeqhina lomtshato noSobukwe ngonyaka ka1950 baza balizwa ngabantwana abane. Abantwana bakhe kunye noRobert Sobukhwe nguMiliswa, Dinilesizwe, Dedanizizwe noDalindyebo.

Ngenyanga yokwindla ngonyaka ka1960 uSobukwe wakhokela idabi lokutshiswa kwamapasi bebonisa ukungathobeli kwabo urhulumente woontamo-lukhuni.

Ongumphathi we-ofisi yesebe lezekhaya eRhafu uMorne Whiteboy uthi alixhomekekanga kubo ixesha lokubuya kwesazisi somntu.

“Thina sithatha inkcukacha zomntu sizithumele kwisixeko sasePitoli, ngabo ke abathi benze owabo umsebenzi, kuze ngenxa yawo kulibaziseke ixesha lokuphuma kwesazisi somntu, lo mcimbi awuxhomekekanga kuthi konke,” ucacise watsho uWhiteboy.

Evakalisa intlungu yakhe ngenxa yoku unyaka kauDinilesizwe uthi badane kakhulu koku.

“Siyadana kakhulu yindlela urhulumente wethu asiqhuba ngayo, noko isazisi lilungelo nje elifana namanye asikwazi kwenza nto ngaphandle kwesazisi sakhe umama,” uthethe watsho uDinilesizwe Sobukwe.

UDinilesizwe uthi silahlekile isazisi sakhe esidala umama uSobukwe kungoko engenaso esitsha, waza wenza esinye.