Bazakufika ndibalindile, utsho uNguta

Kuzawushiyana oomama ukondla xa kudibana izigantsontso kukhuphiswano olujongwe ngamehlo abomvu kule mpelaveki.

Oosozoso baseMpuma Koloni nabasuka kwamanye amaphondo bazakube bekhuphisana kwitumente ebizwa ngokuba yiRise of the Phoenix ngoMgqibelo e-Abbotsford Christian Centre, eMonti. Onke amadoda azakuthath’ inxaxheba kule tumente azakube egxeleshe imali ezakuhamba nephume phambili elishumi elinesihlanu lee randi (R15 000).

Indoda ezakumela iMpuma Koloni nelambele impumelelo kakhulu nguChris Nguta. Le ndedeba yaseQonce ibetha ngenqindi phantsi ngelithi akukho bantu abasuka kwiindawo zabo abazakuthatha imali endaweni yakhe ekhona. Le tumente ifika uNguta esitsha zintambo emva kokugqugqisa kwiitumente ezidlulileyo kulo nyaka. Lo sozoso ufumene indawo yokuqala kwiBuffalo City Arnold, wabamba indawo yesithathu kwiBattle of the Titans ebiseKapa phambi kokubamba indawo yokuqala kwakhona kwiQueens Town Grand Prix kutshanje – apho abuye neshumi elinesihlanu lamawaka erandi.

UNguta, 30, wenza into ayithandayo kwaye uzimisele ukuzenzela igama kulo mdlalo woosozoso. Ufuna ukubonisa ubunganga namandla wakhe eMonti xa kudibena oorhasatsha bezigantsontso eziphakamisa iintsimbi ezinzima ngokumangalisayo. “Ndifuna ukuba yintshatsheli emva kokuphumelela kwitumente edlulileyo,” utshilo uNguta kweli phephandaba.

“Ndizithembe gqithi. Amalungiselelo wam ahamba kakuhle kakhulu. La madoda azakube esuka eKapa eza kum apha. Ndiyabazi baze kule mali, bazakufuka ndibalindile. Yona imali abazukufumana tu,” utshilo uNguta.Amanye amadoda aziwayo jikelele ekulindeleke abelinxalenye yale tumente ijongwe ngamehlo abomvu nguLusindiso Danster, uSanga Gijana noZukisa Hola.