Iintetha zobuciko ezogqunyiweyo

Ndinomhlobo wam welakwaNgqika okuthanda kakhulu ukuhlonipha izibizo. Uhlala endigxeka ke ngokubiza, ade athi ndinesiXhosa.

“Kowu Nxuba akunambeko kanene wena, ukrwada mfondini,” andingxolise atsho, ndibe sele ndibize ndagqiba. Ngeba nam ndiyazama ke ukumlungiselela, koko ndisuka ndiphulukwe mhlawumbi kunqabe isihlonipho ndibe ndifuna ukuthetha – ndithethe ke.

“Nxuba noko igama ubolinxibisa nokuba sisikhinda okanye unomtidili, ungasose ulihambise ze!” Indicenge itsho le nqeberhu yamaNgqika.

Kambe ke ndiyabavela abantu abafana naye. Zininzi kakhulu izinto abazibizayo bengaziqondi, ekungathi khe zatyhilwa bangaya kuwa ngomhlana.

Njengokuba kusithiwa asihloniphi okanye sikrwada emaMpondomiseni, ininzi into esiyihloniphayo singayibizi ngobunjalo bayo.

Okwethu ukuhlonipha kokwezo nto zizathuzelwayo ukuba kutheni zingena kuthethwa njengoko zinjalo, izinto ezifana nokuba singathi khe sazithetha kungonakala ukuhlala.

Ukugqabaza nje ngeentetha zobuciko ezimbalwa ezinokuhlonipha okukhulu. Umntu ucinga ukuba akukho nto ityhulu xa umfazi esithi “uzele waphula uluthi” okanye indoda isithi “izele kwaphuka uluthi”.

Ude afune ukuphulukwa yena umfazi xa sele imongamele imincili athi “ongazelanga makavale ngayo emnyango”, angazek’ ityala ke noko kuba umntu osemincilini wenza nantoni na.

Kambe ke umfazi usoloko enamalungelo ongezelelweyo kwaXhosa, unalo nelokwenza ‘isanyu’ emgidini angazek’ ityala kubantu bomzi wakhe. Inde kakhulu ke le ntetha yokuzala waphule okanye kwaphuke uluthi. Enye ekwafana nale yamadoda apho kuye kuthiwe indoda “ilime kwagoba amakhuba.”

Sele ndizame amatyeli amaninzi ukugcwalisa intetha ethi “ukwehla nomcinga”, uluntu ndilunika eyona nkcaza ipheleleyo yale ntetha yobuciko. Bendiye ndiphakanyiselwe iintshiya ke ngabantu abayisebenzisa yonke le mihla bengabazi ubuze bayo, kusale kancinci ukuba bangathi “uyaxoka Nxuba.”

Ebese azidele ukugeza nalowo ube ndimemele enkqubeni yakhe ukuba ndicacise amagama neentetha zobuciko ezithile, ndithi ndakufika kule onwaye iindlebe.

Ayiphelelanga le ntetha kwesi siqwengana sithi “ukwehla nomcinga”, iyadlula, kulapho ekudluleni ke apho ubani ithi imrhawuzelelisele ngeendlebe. Umntu xa ecacisa ubuqhawe nobugorha nobukroti, akanyali ukuthi “ndakulwa kube mdaka iisali”, okanye athi “ziqubisene kwamdaka iisali.”

Le ntetha phantse wonke umntu oyisebenzisayo uyayazi intsingiselo yayo, liqhalo lidala linenkqayi.

Okufihliweyo kuyo kukuba ziisali eziba mdaka xa kutheni ekuzameni kwabantu, kuba isali isehasheni, umntu akanasali. Akunakuzama mna kusuke kuyobamdaka isali ehasheni! Thula wena mntundini ungazi nto, inde leyo ntetha!

Phaya emaRhudulwini sinesithakazelo esithi “singoovonyumnqayi”, side sizame ukusiphungula ubunzima sithi “singovonyumnqayi kodwa singawujolise mntwini”, sitsho sixoka ke xa sitshoyo ukuyigcwalisa le ntetha. Amawethu angabo ooVonyumnqayi, ndlelana zonke kunjalo nje.

Umati wale ntetha kwalapha kwizithakazelo zethu yile ithi “ntongana encinci yokungqungqa amankazana”. Xa silungisa ukuhlala emzini womwethu wosiva siyicaphula leyo ntetha, nangona sikhalima nje kodwa sikwenze kuqondwe ukuza kwayo.

Zininzi ke zinkosi ezi ntetha nezingathi khe zatyhilwa zitshikilelwe ngabaninzi. Kuthi ukuhlonipha yindalo yethu, kodwa asikuthwali entloko sikwenza ngeyethu indlela.

Xa ndithetha ngezihlonipho ke mna sukuba ndisingise kwezi ntetha, hayi ezi zasecaweni zifuna kuhlonitshwe nento elahlelwa endle. Wova abazalisi bethu bethetha ngokuqhumza igade, ubhideke rhanuga ndini.

Mandixolise ke mawethu kuba andutyhila nenye kwezi ntetha zogqunyiweyo.

Ofuna ndimhambisele ze makaxhele inkabi yegusha etyetyisiweyo ayokha ubulawu basekhaya ukuze andihlambe ngabo ndakuba ndithethe ngokungafihlisi.

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba