#NAF2017: Uphantse Wama Ngxi Umnyhadala Walo Nyaka

Nomalizo Umfanekiso: Siyanda Jantjies

Izoyikiso zokungabikho kwamanzi eRhini, ukumka kombane nengqele eqhaqhazelisa amazinyo ibe zezinye zezinto ezimincise minci abaququzeli bomnyhadala wezobugcisa kazwelonke walo nyaka. Nangona kunjalo, umnyhadala lo uqale ngaphandle kweengxaki. 

Lo mnyhadala ukunyaka wamashumi amane anesithathu (43) uqhubeka, kulo nyaka.

Kwezintsukwana nje zilishumi elinanye, iRhini, iba likhaya labathandi bezobugcisa nenkcubeko. Ubukho balo mnyadala eRhini kubangela inguqu minyaka yonke kwimeko yentlalo, kwaye unyaka ngamnye uyaphucuka, kutsho abahlali. 

“Asinokwazi ukuluyeka olu sana lweNational Arts Festival ludodobale ngoba luza nemali; kulo nyaka uphelileyo yangenisa izigidi ezingama-91 zeerandi kuqoqosho lwaseMakana nephondo ngokubanzi,” kutsho uVuyo Zitumane weECPTA xeshikweni kuvulwa lo mnyhadala ngokusesikweni. Bekucaca ukuba uZitumane ebethethelela urhulumente wephondo laseMpuma Koloni ongenelele ngokungena ezimpokothweni kulo nyaka wahlohla izigidi ezilishumi elinesibini zamawaka eerandi emva kokuba imali yeNational Lottery ingabangenelanga abaququzeli balo mnyhadala. 

Thina, kulo nyaka besonomdla kumaqela amatsha, ingakumbi abalapha ephondweni.

“Zininzi iimvumi, ababhali, abazobi nabadlali beqonga abaqalayo esinabo kulo nyaka!” kutsho ingqonyela yalo mnyadala, uTony Lankester.

UMzukisi Silindela wakwa Mlungisi eKomani ongumbhali ngolwimi lesiNgesi nesiXhosa uzakube esungula incwadi yakhe ethi Rich Dads Poor Kids ngoMvulo, umhla wesithathu kweyeSilimela. USilindela ngumbhali oqale ukubhala ngethuba ethothoza isigwebo sokubulala isinqandamathe sakhe kwaMlungisi, eKomani. Sele ebhale incwadi ethi Amadindala Namabanjwa apho azoba umfanekiso wemeko yentlalo yasentolongweni. Ukwabhale enye incwadi ethi Ubuvuvu Bentolongo Nelokishi.

Isiqalo salo mnyhadala sikwafudunyezwe ngumdlalo weqonga othi uNomalizo obhalwe nguBonginkosi Shangase. UShangase ubhentsisa amandla othando, eloyisa konke. Intombazana enguNomalizo ithandwa yiNkosi uNxumalo efuna ukuyitshata, kodwa yona intombazana izithandela uMayeza wayo. Emva kwedabi elide uNxumalo wenza engalindelekanga. 

Ethetha nathi ngoNomalizo wakhe uShangase uthi akaqali ukufumana ithuba kulo mnyadala wodumo.

“Kokwesithathu ngoku ndisiza kulo mnyadala; ndilapha kuba apho ndisuka khona – kwaZulu Natala – azikho izinto ezifana nezi! Apha kulapho abadidiyeli, iimvumi nabathanda benkcubeko badibana khona; besuka kuzo zonke iindawo zehlabathi. Ngenxa yoko siyakwazi ukwabelana ngezimvo, sithengise nomsebenzi wethu,” utshilo uShangase.

Sibhala nje iRhini seliqalile ukuphuphuma ngabakhenkethi. Ingqele, izigrogriso zombane namanzi, azingxenganga mntu. Iindawo zokulala zinqongophele ngolona hlobo. 

Ukanti abahlali belokishi yaseJoza neyeyona indala eRhini babonakala bezixakekele zezinye nje izinto zesiqhelo. Kule veki izayo nabo abahlali basezilokishini bazakufumana ithuba lokuthatha inxaxheba kulo mnyhadala xa kuqala iFingo Festival, eququzelwa ngooXolile Madinda, kwilokishi yaseFingo. 

*Imifanekiso ekhapha esisibhalo ibonakalisa ubumbejembeje beentsuku zokuqala ze #NAF2017 eRhini