USerero ufumene ikhaya elitsha!

UThulani Serero ufumene iqela elitsha emva kokukhululwa yi-Ajax Amsterdam. Umfanekiso: Facebook

Umdlali odlala esiswini kwiBafana Bafana, uThulani Serero, utyikitywe liqela laseDutch elibizwa ngokuba yiVitesse Arnhem namhlanje. Lo mdlali onekhono utyikitye isivumelwano seminyaka emithathu kwiVitesse kwaye ayingomdlali wokuqala eMzantsi Afrika ukudlalela eli qela.

USerero uzakunikwa ithuba lokuzibonakalisa kwakhona emva kokuba engazange abhaliswe yi-Ajax Amsterdam kwisizini ka-2016/17, lo nto imenze walahlekelwa yindawo kwiqela lesizwe. USerero ugqiba iminyaka emithandathu kwi-Amsterdam emva kokuthathwa kwi-Ajax Cape Town ngo-2011. Nangona ehleli iminyaka emithandathu kodwa iisizini zakhe apho adlale ngokuncomekayo zibe mbini nje kuphela kwaye wenza nembali ngokufaka igowuli bedlala neBarcelona kumdlalo we-UEFA Europa League ngo-2013.

Lo mdlali oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe izinto bezingasamhambeli kakuhle kwi-Ajax. USerero uxelele ikhasi lezonxibelelwa leqela wathi: “Emva kwexesha elihle kwi-Ajax apho ndadlala imidlalo emininzi, kwalandela ixesha apho bendingasalifumani ixesha lokudlala rhoqo. Isivumelwano sam siphelile e-Amsterdam, ngoku lithuba lokuba ndidlalele iqela elitsha.

“Ndiyayazi iVitesse liqela elidlala ibhola entle, ngonyaka ophelileyo ndababukele bephumelela indebe. Ndibona ukuba isakhono sam sizakuhambisana nendlela iVitesse edlala ngayo kwaye ukudlala kwi-Europa League ngumceli-mngeni ondilungeleyo.”

Umqeqeshi omtsha weBafana uStuart Baxter ukubeke kwacaca ukuba uyathetha noSerero kodwa wakuveza ukuba ukungafumani ixesha elaneyo lokudlala kwiqela lakhe kuzakuba ngumnqantsa ukuba abonakale kwiqela lokuqala leBafana.

Ukutyikitywa yiVitesse kuzakuba yinto entle ekuhambeni kwexesha njengoba iqela lesizwe lizakuzilungiselela umidlalo neCape Verde ohlakulela indebe yehlabathi ka-2018.

IVitesse izakuthatha inxaxheba kwimidlalo ye-Europa League kwisizini ezayo njengoba bevale isizini belele kwindawo yesihlanu kwiDutch Eredivisie.