AbaseBhayi bazakungqungqa neFohloza

UNondumiso, Hazel noNomphelo beFohloza Umfanekiso: Uthunyelwe

Kuzakutshila iFohloza ngoncuthu lomculo womngqungqo kwiqonga elibizwa ngokuba yiJazz Afro Sundays ebanjelwa eOpera House kwiholo eliyiBarn Theatre ngentsimbi yesihlanu, ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kule mpelaveki.

UCingiwe Skosana ongumququzeleli wale misitho, uthe ucela abathandi bomculo womngqungqo ukuba baphume ngobuninzi babo bazokubukela inamba isombuluka kuba iFohloza izakwenza izinto zamehlo ngale mini. Uthe amatikiti yiR70 neR50 kwabadla umhlala-phantsi.

Uthe iqonga leJazz Afro Sundays liqhuba rhoqo ngeeCawa ngenjongo zokutyisa, ukukhulisa nokwazisa ngetalente yabantu bendawo.

USkosana uthe iFohloza liqela eliphum’ izandla eselisuka kutshila kumaqonga aphezulu nezisele zenyathi emculweni. Uthe laqalwa ziintombi zomzi omnye, uNondumiso noHazel baza mva bajoyinwa nguNomphelo.

Kungekudala ezi ntombi zalishiya elaseMpuma Koloni, zaya kwelaseGoli ngeenjongo zokuya kukhangela amarhiwu aluhlaza.

“Kwelo laseGoli bancedwa liqela lekwaito elaziwa njengeTrompies nelathi labamemela ukuba babe ngabancedisi balo kwingoma eyayisithi Fohloza, neyathi emva kwexesha elo gama lajikwa babizwa ngalo.”

Uthe emva koko abazange babuye ngamva kuba abavelisi beenkqubo zikamabonakude nezikanomathotholo baba yintw’ibila emva kwabo bemenywa kwiinkqubo ezifana nooBackstage, Generations nakuFelicia Mabuza.

“Basebenzile noMiriam Makeba, Brenda Fassie, Hugh Masekela, Mdu Masilela noLebo Mathosa, kanti kwezaphesheya iimvumi, baculile noEric Bennet weRnB yaseMelika.