Bathenjiswe ngenkxaso engagungqiyo kwezolimo abantu baseCoffee Bay

Usekela-mpathiswa wezolimo kuzwelonke, uBheki Cele negqiza lakhe beme noLindelwa Hani

Isebe leZolimo, aMahlathi lidibene neloPhuhliso lwaMaphandle, beliphume ngobuninzi ngethuba lityelele idolophana yaseCoffee Bay cebu kuhle naseMqanduli ngeenjongo zokunika inkxaso koosomashishini abakhasayo balo mmandla.

Likhokelwe ngusekela mpathiswa uBheki Cele, iqela leenkokheli zikaKhongolose eziquka uStella Ndabeni-Abrahams olisekela kwezonxibelelwano neenkozo zePosi, uMlibo Qhoboshiyane okwisebe lezokuphuhliswa kwamaphandle kwiphondo kunye noDumani Zozo ongusodolophu weKing Sabatha Dalindyebo, lindwendwele ishishini elithengisa izithole iMasande Crop Production namanye amaqumrhu akwilali eyiMpangeni.

Eyona njongo ibikukumamela izikhalo nokunika uncedo kulutsha lwale ndawo oluneenjongo zokudala amathuba emisebenzi

Ongumsunguli weMasande Crop Production uLindelwa Hani, uthe unethemba lokuba ukunyathela kukasekela-mpathiswa uBheki Cele kulo mhlaba kungazisa iinguqu.

UHani udize ukuba eli shishini uliqale nolutsha olungaphezulu kwamashumi amathathu, kodwa ngenxa yokunqongophala kwenkxaso esuka kumasipala washiyeka yedwa; waze wafumana uncedo kwabekhaya lakhe ukuze aqhubeke evelisa izithole ezisemgangathweni. Elusizana uthe, “Kudala besiza bengaphethanga nto esandleni aba bantu, kodwa bethembisa nje ngomlomo, yiyo le nto yakhokelela ekubeni ulutsha endandisebenzisana nalo lutyhafe.”

OkaHani wongeze ngelithi, “Apha sidinga ezona zinto zisisiseko eziquka umgquba lo siwuthenga eMonti ngeemali ezinkulu, isithuthi, izixhobo zokusebenza ukuze sibenakho ukuvelisa ngokomlinganiselo olindelekileyo. Ngethuba esothula intetho yake kwinginginya yabemi bale ndawo okaCele uhlabe ukhwelo esithi, “Bantu abatsha yohlukanani nokushiya iintsimi zenu zilel’ ingca nileqe kooRhawutini apho kuvakala iziganeko zolwaphulo-mthetho umhla nezolo. Buyelani kwindlela endala yokuzisebenzela eyasiphathela intlutha, kuba lo mhlaba wethu uxhaphe ubutyebi macala onke.”

OkaCele uphinde wavelela umkhwa wokuhlukunyezwa nokubulawa kwamanina nabantwana. Uthe oku kwenziwa ngamadoda esihlala phakathi kwawo, ingakumbi xa ephantsi kweempembelelo yeziyobisi ezingumbulala-zwe. Udlule wathi, “ngenxa yeso sizathu, olu phuhliso luzakujongana nabantu abatsha ingakumbi amanina kuba ngawo angena nokutya emakhaya kule mihla.”

Abantu bale lali babonakalise uchulumanco nangona bebenako ukukrokra apha naphaya ngenxa yokulahlekiswa okuninzi ngoosopolitiki abaza nezithembiso ezingafezekiyo.

IMasande Crop Production ibiphathelwe izixhobo zokusebenza yathenjiswa ukuba okaCele uyakuphinda atyelele ukuze aqinisekise ukuba umsebenzi uyenzeka neli nani liphungukileyo liyabuya.

UPelokazi Hani osebenza noLindelwa Hani, ukhale ngelithi badinga nemali yesibonelelo abakhe bayifumana kwisebe lezemisebenzi phambi konyaka ka2015.

OkaQoboshiyane uthe abantu badinga ukukhuthazwa ukuze bazibandakanye nokulobela ushishino kwaye bafumane inkxaso nenkuthazo ukuze babuyele ekulimeni.

Oku ukuthethe ngenxa yokuqaphela iqondo lokumka kwabantu emaphandleni besondela kwiidolophu apho iinkonzo zifumaneka khona. Woleke ngelithi, “abona bantu bashiyeka belima amasimi ethu ngabo bamhlophe abaphinda bathengisele kwathina ngamaxabiso aphezulu; sikwezodolophu sibalekela kuzo.