Njedu: Kunyanzelekile siphumelele namhlanje

Vuyisile Chippa Njedu

Umqeqeshi we-EC Bees, uVuyisile “Chippa” Njedu, uvumile ukuba ngokwenene iqela lakhe liphantsi koxinizelelo emva kokubethwa ngo’1-0 liqela laKwaZulu Natal, Uthongathi, kumdlalo ubutshisa izolo eSisa Dukashe Stadium.

Eli qela laseBhisho lize kule tumente libonwa njengelinye lamaqela anokuthi anyukele kwaNational First Division ngenxa yendlela elidlala ngayo.

Amathuba walo aphazamisekile ke kodwa emva kokuphulukana nomdlalo wokuqala. Ziliqela izinto ezibethe iBees izolo. Ezinye zezinto engakwazanga ukuzenza kukudlala umdlalo odibeneyo, emva bebeziintsalu abadlali kwaye abakwazanga nokudala amathuba wokufaka amagowuli acacileyo.

UNjedu uyayiqonda ingxaki elikuyo iqela lakhe kwaye uthi iqela lakhe lizimisele ukwenza umsebenzi ongcono xa iBees idlala neMainstay United ngo’09:00 namhlanje eSisa Dukashe Stadium. Ukuba ayiphumeleli kulo umdlalo iBees, amathuba wayo wokuya kwiNFD azakuba mfiliba kakhulu emva kokuba iZizwe United, Uthongathi ziqokelele amanqaku apheleleyo izolo. “Kubi ukubethwa sidlalela ekhaya. Siphise ngalo igowuli abalifumeneyo. Itumente isaqhuba, nantoni na ingenzeka ebholeni. Sizakuzama ukuphumelela ngomso. Ndinalo noko ithemba kule midlalo ishiyekileyo,” utshilo uNjedu.

IZizwe United ihleli kwindawo yokuqala emva kokubetha iMainstay United ngo’5-0. Iqela laseKapa lidlala nelaseKZN, Uthongathi , elinethuba lokunyukela phezulu nalo. Ekuqaleni kwale tumente bekunqabe kakhulu amagowuli – kodwa izinto zijikile izolo.

UMpho Erasmus weZizwe United, ofake amagowuli amane izolo, nguye ohamba phambili kule tumente nakwicala lamagowuli. Ngamaqela abambe iindawo zokuqala kuGroup A naku-B ayakuthi anyukele kwiNFD ngomso.

Iziphumo zemidlalo:

Super Eagles 0-0 Acornbush

Buya Msuthu 1-1 Maccabi

Acornbush 1-0 Maccabi

Buya Msuthu 1-0 The Dolphins

EC Bees 0-1 Uthongathi

Zizwe United 5-0 Mainstay United