Ikamva likumnatha wonxibelelwano

Kule mpelaveki siphuma kuyo besibambe ingxoxo-mpikiswano pha eGinsberg, eQonce. Umxholo ibikukucazulula umba wenkolo yesiNtu kunye namaphupha.

Sibulela kuLulama Mpahla noPhuthumile Fuyani ngokusifundisa lukhulu ngale nkolo yesiNtu. Tyhila uye kwiphepha leshumi elinesibini kweli lanamhlanje ukuze uzibonele ukuba bangene nzulu kangakanani kwimbali yabaNtsundu.

Xeshikweni siqhuba lo mcimbi siye sagqiba kwelokuba makhe sizame ukuwusasaza ngqo ngoFacebook Live noTwitter Live; ukuze abo bangekhoyo bakwazi ukubukela apho bakhoyo. Sothuke xa sibona amanani esonyuka kuFacebook Live, esiya kuma-438 abantu ababukele uFuyani ethetha, bonyuka baya kuma-501 xeshikweni kuthetha uMpahla. Ngoku babukeleyo kuFacebook bebekwazi ukuhlohla eyabo imibuzo ngqo, sikwazi ukuyifunda siyiphendule.

Isothuse kakhulu le nto ngoba okuqala khange siyilindele; amaxabiso eData eMzantsi Afrika asaxhome kakhulu kwaye kuyaxabisa ukubukela ushicilelo kumnatha wonxibelelwano. Kodwa nabo bebebukele. Siyabulela kuni. Nabo baye bakwazi ukuphuma kumakhaya abo bazokuzimasa le nkqubo nathi. Enkosi.

Olu luphawu lezwe esiphila kulo. Ubuchwepheshe bale mihla yinto apha ekuzakufuneka siyiqwalasele kwaye siyibeke iso elibukhali ngoba buzakuba nefuthe elikhulu kwizinto ezininzi ezifana nemisebenzi.

Ngokusiya kuphucuka ezobuchwepheshe kuzakwehla nenani lemisebenzi; imisebenzi efana noomabhalane, abagcini-zincwadi, abaphicothi-zincwadi, abakhi, nditsho neentatheli ezi zingazibona zilambatha zingenamisebenzi kusakungena iArtificial Intelligence (AI).

Kungekudala abantu bazakukwazi ukuhlala kwiifowuni okanye kwiikhompyutha bathathe inxaxheba kwiinkqubo ezikude kunabo, bathenge izinto kwamanye amazwe, bakwazi ukuzihlola impilo, njalo njalo.

Phofu sezisenzeka ezi zinto. NabakwaVodacom apha eMpuma Koloni bamanxadanxada ngobubuchwepheshe butsha. Kroba kwiphepha lesithandathu. Inene, kuza kufuneka abantu bacinge nzulu ngezinto abazakuzifundela nabafuna ukuba zizo. Zonke zizakuquka umnatha wonxibelelwano.