Bancedwe ngamaChina abahlelelekileyo

UQin Bin Qin noLin Xiu Lin abangoosomashishini

Abemmi baseChina abahlala kweli lizwe, besenza ushishino eMpuma Koloni, bolule isandla sabo benceda abantu abangathathi-ntweni eMonti.

Iqonga lamaChina ancedisa amapolisa ekulweni ulwaphulo-mthetho, aphise ngeempahla zokunxiba, izitulo, ukutya kwakunye nezixhobo zokudlala kwisikolo soonomngqushwana iSinebhongo esise-Amalinda Forest eMonti.

ULu Chiu oyintloko yeqonga lamapolisa asekuhlaleni eKapa, uthi ezi mpahla zizonke ziye zaxabisa imali engaphaya kwe-R30 000. UChiu uthi oku bakwenza ngentliziyo yabo ukuba befuna ukukhulisa ubuhlobo.

UBrigadiya Lungile Nqamqele obeyinxalenye noku, uthe abantwana mabahlale bekhathaleleka ngalo lonke ixesha kuba balikamva lesizwe.

“Abantwana luthando kuphela into abayinqwenelayo xa besekule minyaka bakuyo.

Masihlale sibakhathalela, xa kunjalo bangathi bakhule kakuhle ekwazi okulungileyo nokungalunganga, oko kungathi kwehlise nezinga lolwaphulo mthetho,” utshilo uNqamqele.

Inqununu yaseSinebhongo uLindiswa Mbanjana ogcina aba bantwana bayi-86, uthi uyayibulela inkxaso yamaChina kuba akukho kokuqala betyelela kuye.

“Into endenza ndivuye kukuba asincediswa ngurhulumente kwesi sikolo, aba titshala bahlanu ndibabhatala kwangemali ebhatalwa ngabantwana. Ndiyasokola kuba sisikolo esigcwele abantwana abangathathi ntweni, iimpahla zakuthi zenze umahluko omkhulu kubo.”

Uceba wakwaWadi 16 uMzukisi Relu, uthe kumnandi ukuba amapolisa afike konwatyiwe angasoloko efika kuba kukubi. Kwaye oku kukwabonisa ukuba nawo amapolisa ngabantu kwaye ayavakalelwa.