IiChilli Boys zivuthulule iSuperSport United, eBhayi

Teboho Mokoena of Supersport United and Andile Mbenyane of Chippa United during the Absa Premiership 2016/17 game between Chippa United and Supersport United at Nelson Mandela Bay Stadium in Port Elizabeth on 17 May 2017 © Deryck Foster/BackpagePix

Ukubuyiswa kukaDan Malesela kubelulutho namhlanje futhi kubakhulule abalandeli bebhola ebebenovalo lokulahlekelwa liqela abalithandayo. Lo nto ibonakele emva kokuba iChippa United ifumene impumelelo ebalulekileyo ngokuthi ivuthulule kanobom iSuperSport united esokolisayo ngo’3-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer league obuseNelson Mandela Bay Stadium kobu busuku. Ukubethwa kweChippa United ngo’1-0 yiHighlands Park kwiveki ephelileyo kunyanzele abaphathi ukuba babuyise uMalesela obenqunyanyisiwe.

Impumelelo kulo mdlalo kuyithathe iChippa kwayisusa endaweni embi okwethutyana, ngoku kufuneka iqinisekise ukuba iliphepha izembe ngokupheleleyo kumdlalo wokugqibela.

Komnye umdlalo obalulekileyo, iMamelodi Sundowns iphucukwe linqathe emlonyeni emva kokubambana ngo’2-2 neMaritzburg United kumdlalo obuseLucas Moripe Stadium. Kuyiwe kwixesha lokuphumela iTeam of Choice ihamba phambili ngegowuli. Iphinde elinye kwisigaba sesibini – kodw akuthe ekuzeni kuphela komdlalo yabuya iDowns. Ngelishwa layo ixesha beseliphelileyo. Ukuba ibiphumelele, ibizakubanalo ithuba lokukhusela indebe yayo.

Amaqela asemsileni iBaroka FC neHighlands Park zindlale ntanganye ngo’0-0 ePeter Mokaba Stadium. Yona iCape Town City ibethe iGolden Arrows ngo’1-0. IBLoemfontein Celtic ibambene ng’0-0 neFree State Stars. Amakhosi abethwe yiPlatinum Stars ngo’2-0.