Akukabanjwa mntu emva kokukhuthuzwa kwamajoni

Iziko lomkhosi eliseKhayelitsha, eKapa Umfanekiso: Bheki Radebe

Athi awanakuphendula kwiingxelo zokuphangwa kwesikhululo samajoni kwilokishi yaseKhayelitsha, amapolisa, eli phondo leNtshona Koloni.

Usomlomo wamapolisa ephondweni uNoloyiso Rwexana uthe “iSouth African National Defense Force (SANDF) mayiphendule, thina singamapolisa asinakuthetha kulo mba.”

Oku kulandelo ingxelo ezithi kuphangiwe kwisikhululo samajoni i9SAI kufutshane nengingqi yaseTown Two, eKhayelitsha.

Iingxelo zidiza ukuba kwafika amadoda amahlanu, exhobile, angena ngenkani kumasango esa sikhululo nalapho oyisa ngamandla oonogada abathathelwa umbayimbayi oluhlobo lweR4 nesingxobo seembumbulu sineembumbulu.

Abarhanelwa bathathe aba noogada babangenisa ngaphakathi kwisikhululo samajoni nalapho bafike boyisa amajoni amahlanu kwigumbi loonogada apho banyazelise ukuba bavule indawo ekhuselekileyo egcina izixhobo.

Apho bathathe khona abanye oombayimbayi abaluhlobo lweeR4 abahlanu. Ziphelele izixhobo abazithathileyo ngoombayimbayi abaluhlobo lweeR4 abathandathu, ikhaseti leembumbulu kwaneshumi lee 5.56mm.

Othethela umkhosi wokhuselo kweli laseNtshona Koloni, uBrigadier General Mafi Mgobhozi, uzingqinile ezi ngxelo esithi okwangoku akukabikho mntu ubanjiweyo okanye zinkcukacha zizezinye.

isibhalo@inl.co.za