Ingxubakaxaka ngeholo lasekuhlaleni eXhora

Inkosi yelali uXolile Ndevu ebonisa ngeholo elingazange ligqitywe

Uluntu lweelali zaseMkhathazo kwiwadi 28 eXhora lunyanzelisa iimpendulo kumasipala waseMbashe kulandela ukuduka kwemali eqikelelwa kwizigidi zeerandi eyayibekelwe bucala ukwakha iholo lasekuhlaleni ngo2003.

Sele ilishumi nesithathu leminyaka abahlali bejonge enkalweni. Injongo zokwakhiwa kwayo yayikunceda ulutsha lubambele imisitho yalo apha ukuthintela ukuhlala kwiindawo zentselo, logama amaxhegwazana ayezokwamkelela kulo imali yesibonelelo sikarhulumente.

Akupheleli apho, nanjengoko iintlanganiso zakomkhulu kwakulindeleke zibanjelwe kweli holo mhla kusina imvula, ngokwesivumelwano sabahlali nomasipala.

Okona kothusayo ngale meko, amagosa kamasipala athi akucaci kungani ulwakhiwo lwayekwa esithubeni kusaxhonywe uphahla.

Ngokwengxelo, umasipala wanika inkampani eyaziwa kuphela ngelithi yeyosapho lakwaQongqo, kodwa akukho mntu unika mkhondo ngonozala wokungagqitywa kweli holo elijike lasisigqubu sootsotsi ngokutsho kwabahlali nenkosi yale lali.

Sithetha nje yindawo yokwenzela ulwaphulo mthetho kwaye ulutsha lwale ndawo aluna nto yakwenza ngaphandle kokusela utywala ngokudlulisileyo kamva kophulwe umthetho. Udonga lwale holo lime kufuphi nendlela engena kule lali.

Inkosi yelali iMkhathazo, uNkosi Xolile Ndevu, uthi ukungabikho kwenkathalo kumasipala waseMbashe ngunozala wale ngxaki. “Ndaquqa ndancama kwamasipala ndizama ukuqonda kungani lingazange ligqitywe ukwakhiwa eli holo lasekuhlaleni. Endaweni yokufumana impendulo exolisayo, amagosa kamasipala andinyusa endihlisa de ndohlulakala nam. Ndaxelelwa ukuba kwaphela imali, nto leyo ishiya imibuzo eliqela ngaphezu kweempendulo. Iphela njani imali ingagqitywanga iholo yethu,” kubuza iNkosi uNdevu.

UNkos’uNdevu ukwathi ulwazi abanalo bengabahlali luthi, inkampani yahlawulwa yonke imali yayo kodwa amagosa kamasipala afeda ukulandela lo msebenzi.

Umntu omtsha ochatshazelwa yile meko, uMfaniseni Simakade, uthi ingxaki yaqala mhla umasipala watyumba inkampani engenalwazi ngomsebenzi, nto leyo yagqibela isenza umsebenzi okumgangatho osezantsi.

“Siphila ngokuhlala etywaleni ngoku ngenxa yomasipala waseMbashe ongakhathaliyo, sibhenela etywaleni ngenxa yokudinga into yokwenza. Akuzange kubekho nkathalo kwasekuqaleni ngathi. Xa sinokwakhelwa iholo singazenzela imali ngemisitho yolonwabo siyeke ukusela,” utshilo uSimakade.

Usodolophu womasipala waseMbashe uSamkelo Janda, uxelele eli phephandaba ukuba ubengenalwazi ngale ngxaki.

“Ngokwengxelo esinayo singumasipala, lo msebenzi wanikwa inkampani esakhasayo engazange ilugqibe ulwakhiwo. Ndiyavuma umasipala wafeda ukulandelela inkampani eyabhatalwa imali. Ekuqaleni kwale veki ndizokuthumela iinjineli zizokujonga yintoni engenziwa ngale holo yaseMkhathazo.”

“Xa ndibuza kumagosa kamasipala ayejongene nalo msebenzi ngelo xesha, akucaci yintoni igama lale nkampani, akucaci yimalini eyabhatalwa le nkampani, kungenjalo eyayibekelwe ulwakhiwo lwale holo. Ndiyathembisa ndizokungenelela ngokukhawuleza” utshilo uSodolophu.

isibhalo@inl.co.za