UDan Malesela uthi enkosi kuni nonke!

Umqeqeshi weChippa United, uDan Malesela, uphumile esibhedlele namhlanje. Umfanekiso: BackpagePix

Zithe xibilili izibilini kwinkampu yeChippa United, abalandeli nakwibhola yoMzantsi Afrika ngokubanzi emva kokuphuma komqeqeshi wayo, uDan Malesela, esibhedlele namhlanje emini. Lo mqeqeshi wabalekiselwa esibhedlele saseBhayi ekuqaleni kwale veki emva kokukhala ngeentlungu zesifuba.

Oku kweenzeka emva kwentsuku iiChilli Boys zibuyile kumdlalo owawuphakathi kwazo nePlatinum Stars ekupheleni kweveki ephelileyo eRoyal Bafokeng Stadium – apho zibuye zintywizisa emva kokubethwa ngo’2-1. Ngethuba iChippa United idlala neBidvest Wits kumdlalo wePSL ophele ngo’0-0, eSisa Dukashe Stadium ngorhatya ngoLwesibini wale veki, iintambo bezitsalwa nguMbuyiselo Sambu – isekela mqeqeshi. Namhlanje, eli qela lizinze eBhayi, likhuphe ingxelo ebhaliweyo kwikhasi lomnatha iqinisekisa ukuba uMalesela ukhululwe esibhedlele.

“Namhlanje sothuswe kukugaleleka komqeqeshi kwii-oofisi zethu, uDan Malesela, ekuseni namhlanje emva kokukhululwa kwakhe esibhedlele. UDance uphoswe ngumdlalo obuphakathi kweChippa neWits emva kokungeniswa esibhedlele ngenxa yeentlungu zomqolo,” itshilo iChippa United kwingxelo ebhaliweyo.

“Akukho ntlungu ndizivayo, ndingumqabaqaba. Ndifuna ukubulela imiyalezo yethu nonke,” utshilo uMalesela.

Lo mqeqeshi inikwe iintsuku ezimbalwa ukuze aphumle okwethutyana ekhaya – kodwa kulindeleke ukuba abekhona xa iChippa United idlala neqela lakwaNational First Division, iWitbank Spurs, kumdlalo weNedbank Cup ngoLwesithathu weveki ezayo, eNelson Mandela Bay Stadium.