UCoetzee ufuna inguqu kwiSpringbok

Emva kokubhungca kwinkqubo yovavanyo lomsebenzi wonyaka ophelileyo, * -Allister Coetzee, ulwamkele ngovuyo elinye ithuba alinikiweyo sisigqeba esilawula iSA Rugby. Iziphathamandla zalo mbutho bezibuthelene kwintlanganiso kwiveki ephelileyo – apho bekushukuxwa indlela umqeqeshi wamaBhoko-bhoko asebenze ngayo kunyaka odlulileyo.

Kule ntlanganiso, kuthathwe isigqibo sokuqesha uFranco Smith njengesekela lomqeqeshi. USmith ukwasebenza njengomqeqeshi oyintloko kwiCheetahs. Ilizwe loMzantsi Afrika liqhube kakubi kakhulu ku2016 – kangangokuba abalandeli bombhoxo bebefuna akhonjwe emnyango lo kaCoetzee kwakunyaka wakhe wokuqala eqeqesha iSpringbok. “Ndiyavuya njengokuba inkqubo yokuphicotha umsebenzi wethu isongiwe. Ndifuna ukubulela isigqeba esiphetheyo nenkxaso eziyiqinisekisileyo kum njengomqeqeshi weSpringbok,” utshilo uCoetzee.

Ngenxa yokubethwa kwimidlalo yovavanyo, iSpringbok sizibone sisehlela ezantsi kakhulu kumbhoxo wehlabathi – kodwa uCoetzee unethemba lokuguquka kwezinto. “Asinaso isizathu somsebenzi ombi ku2016. Umsebenzi ongancamisiyo njengalowa awamkelekanga noxa isizini ibisinzimele. Kufuneka siguqule izinto. Emva kwemidlalo yangaphandle ekupheleni kuka2016, ndichithe ixesha elininzi ndisenza izicwangciso zalo nyaka mtsha ngokuba ndifuna ukuqinisekisa ukuba umsebenzi wethu uyaphucuka kule isizini,” utshilo uCoetzee.