Majodina: Uyasigqiba uTwitter noFacebook

Umphathiswa wezemidlalo nenkcubeko kwiphondo leMpuma Koloni uPemmy Majodina

UMphathiswa wezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni uPemmy Majodina, uthi wathabatha isigqibo sokuba azikhwebule kumaqonga ezonxibelelwano afana noFacebook noTwitter.

UMajodina uthi oku kungenxa yokuba la maqonga asetyenziswa gwenxa futhi lowo ubuthathaka, angazibona etyumkelwe yintliziyo kuba “anoburhalarhume” la maqonga.

“Uyabona ke ngoku, siyaphela tu yiSocial Media [amaqonga ezonxibelelwano]. Umntu ongekaqondi ukuba ziyasonzakalisa eza zinto, usekude nofefe lukaThixo. Eza zinto zinoburhalarhume. Into egwenxa phaya inwenwa ngomzuzu.

“Kutheni le nto utata wabantu ofunyenwe eze kufuneka etyhutyhe ilizwe lonke. Lo tata unosapho, unabantwana, uyinkokeli. Sisisizwe esiyaphi?” kubuza uMajodina.

UMajodina ukuthethe oku kwindibano ebibanjelwe eMonti, kwiintsuku phambi kwentetho yobume bephondo yeNkulumbuso uPhumulo Masualle.

Kule ntetho kaMasualle, uMajodina ebenxibe ilokhwe eluhlaza, ejikele ngelaphu elimthubi ekwaphethe nebhegi emthubi.

Esi sinxibo sikaMajodina sijike sayintlekisa kuFacebook, abantu besifanisa nomatshini wempompo yegaraji yakwa-BP.

Kwintetho yakhe eMonti ngomhla weshumi kule nyanga, uMajodina uthe: “Uyabona mna ndindwebile nje, eyona nto indivisa ubuhlungu kukuthukwa. Yiyo le nto ndingekhoyo kuFacebook noTwitter. NdikuWhatsApp neSMS (imiyalezo yefowuni efinyeziweyo) qha.”

“Ukuba ke ndiyashiyeka zizinto zala maxesha, kulungilendiyasinda kwezi zinto. KuWhatsApp, ukuba andikuqondi ndiyakubhloka (ukuvalela ngaphandle),” utshilo uMajodina.

Ngokohlolo, uMajodina ubonakala njengomntu ogqibele ukuba kuFacebook ngenyanga kaCanzibe nyakenye, logama engabonakali nangotshengele kuTwitter.