Bafundela ilize abantwana boMzantsi Afrika

UNophelo Mateyise wase-N.U. 9 eMdantsane, utyhola urhulumente woMzantsi Afrika ngokusilela ukuvelisa amathuba emisebenzi ukuze kuqeshwe intombi yakhe uZizipho.

UZizipho Mateyise, uhleli ekhayeni edinga umsebenzi emva kokuphumelela emagqabini isidanga seNzululwazi kwiKhemistri (BSC Honours in Chemistry) kwiYunivesithi yaseFort Hare ngo2014.

“Kubuhlungu ukufundisa umntwana nzima kangaka aze aphinde adinge umsebenzi, ndinethwe ziimvula, ndigodola, ndicinga ukuba ndakuze ndibone impumelelo,” uzityande igila watsho uMateyise.

Uthi okona kumenza ixhala woyikisela ukuba ide ithathe ubomi bayo le ntombazana emva kwempumelelo eyifumene nzima. Ixesha lokuqala konyaka lixesha lokuthenjiswa kwabantu ngamagosa karhulumente aquka umongameli uJacob Zuma, bethembisa ngezulu nomhlaba.

“Ndisebenze emakhitshini ndithukwa ngabantwana babelungu kuba bendingafundanga, ndasebenza nzima ndifuna ukuba bafunde abantwana bam, kodwa nanku uZizipho uyadinga efunde enjalo,” utshilo.

Uthi urhulumente woMzantsi Afrika ubabeke emva abantu abasokolayo, akananjongo ngabo.

UZizipho usebenze njengomsebenzi wethutyana kwisebe lezokuloba, ulimo namahlathi kweli isithuba sonyaka, nekuthe kamva wabuyela ekhayeni lakhe.

“Uphi urhulumente wethu xa abantwana bethu besokola kangaka, kuba besinethemba lokuba aba bantwana abanakugqitha kwiingxaki ezifana nezethu,” utshilo.

Ngenxa yokusebenza nzima, lo mama ugula zizifo eziquka intliziyo kunye nesifo samathambo, kwaye akasakwazi kwenza ingeniso ekhayeni lakhe.

UZizipho uthi bunzima ubomi bokuphila ngaphandle kwengqesho emva kokuchitha ixesha eyunivesithi.

“Awukwazi kucwangcisa ngokukuko kuba uyayazi ukuba akukho nto iza kuphumelela kuba akunayo imali yokwenza izinto, kubuhlungu kakhulu ukuphila le mpilo,” ekhathazekile utshilo uZizipho.

Akukho bani uphangelayo kweli khaya, ngenxa yoko batsala nzima, itshilo ingxelo. Lithoba leepesenti ekhulwini abantwana abamnyama abaphumelele izidanga abangaphangeliyo eMzantsi Afrika, logama isisithathu kuphela kwabamhlophe ngokwengxelo ka2015.

siyabulela.mqikela@inl.co.za