Ukuzika komthetho, kukuzika kwesidima!

Umhla wethoba kule nyanga yoMdumba, kulo nyaka ka-2017, awunakuze ulibaleke kwimbali yelizwe loMzantsi Afrika.

Kaloku ngale mini, ziqhawuke zihlangana kweyona ndlu iphakamileyo yowiso-mthetho kweli lizwe! Ngale mini, abemi boMzantsi Afrika bahlabele bavuma ngazwi-linye, besithi vuleka mhlaba ndingene!

Konke oku bekubangwa ngumothuko nodano lwabo bonke abathandi besizwe emva kwezo ziganeko zoqaqadeko, intswela-mbeko nokutwezeka kwezimilo okubonwe kwipalamente yesizwe xa bekulindeleke umongameli enze iNtetho yoBume beSizwe! Inene iziganeko zaloo mini, azizange zabonwa kwiinkundla zakowethu, kwiinkundla zethu zemveli maXhos`akowethu!

Yhini na isizeka-bani salo mdudo woononkala? Bekutheni kuqala ukuze kube nje? Yintoni imbangi yokuba ulutsha lwanamhlanje lungoyiki ukutyityimbisela iziphatha-mandla iminwe, zithethe ngendelelo koosihlalo abangabazali nabazalikazi, bade bakhonjwe ngeminwe?

Ndincedeni nindichazele isizathu sokuba umongameli welizwe abizwe ngamagama alisikizi namanyumnyezi afana nondlobongela; imenemene; umoni ongadingekiyo noncelwa ukuba abe nguphum`aphele kwindlu ebekufanele ilawulwa nguye?

Hayi noko mawethu, kwezethu iinkundla zemveli ezazikholose ngendili, isihomo nentlonipho, belingenakuze libonwe isikizi elehle kwipalamente yoMzantsi Afrika ngoLwesine umhla wesi-9 kule nyanga yoMdumba!

Kwiinkundla zakwaNtu kwakungekho madindala, majoni axhobe afohlela, namapolisa afake izikhuseli emizimbeni nezigqokro entloko kuba exhalele ukuhlaselwa ngaphezu kokuba wona eza kugcina ucwangco!

Kwezethu iinkundla akukho mntu wayenokuze athi khwasululu athethe okuthandwa nguye engavunyelwanga ngabakulawulo! Kaloku nobukho benkosi, amaphakathi nekumkani kwakuhamba nokoyika, ukuhlonipha nokuthobela kwezo nkundla!

Kaloku kwezo nkundla kwa-ukuhlala kweziphakathi kwakunomthetho wako kungahlalwa nje naphi na apho umntu athanda khona. Abegazi lobukhosi babeyazi indawo yabo ingahlalwa nangubani na!

Amaphakathi nezibonda zazinendawo yazo kwezo nkundla! Iintlola neembongi zaziyazi indawo ezinokuhlala kuyo!

Indawo yabahlekazi abaziduko zizezendalo nabo babeyazi ukuba abahlali kude kuya phi kwabo bagazi lithethayo, igazi lobukhosi, ngenxa yokuhlonipheka kwabo ngokomnombo lowo wendalo! Kaloku ezo ziduko zendalo zezo zifana nooMlambo; ooHlathi; ooNtaba; ooZulu, ooLanga, ooNkomonde nezinye eziliqela!

Ndithe xa ndisidla imbadu nenkonde yaseMaBambeni kwaHlanganisa ngombhodamo obuqhubeka kwipalamente yesizwe eKapa, lasuka eli xhego lajonga phantsi, lathinta isikhohlela kabini, lanikina intloko, ladanduluka lenjenje: “Yhini na abantwana bethu nabazukulwana bethu? Lakhe labonwa phi na isikizi elingaka kule ndlu kaNkosiyamntu noMalangana? Mntwan`omntwanam oku kuphixana, ukunyhikilana, ukukhombana ngeminwe nobuntshinyi-ntshinyi kwindlu yengxoxo, kwindlu yowiso-mthetho yelizwe, zizinto ezintsha nezingaziwayo. Mzukulwana, bekusithi kungekaxoxwa nokuxoxwa kwiinkundla zakowethu, aphakame usihlalo obekwe ngokuthenjwa nokuhlonitshwa athi “inzwi!” Kutsho kuthi cwaka zole tu, kangangenzolo eyayiba lapho, ubunokude ukuve nokuwa kwesipeliti!”

Inkonde iqhube yenjenje, “emva kwaloo nzwi, ubuya kuyibona inkosi ingena ngendili nesithozela, ikhokelwa ngumfana oxweye ugaga lwempofu, aluthi tywaa ngaphambili phaya, ihlale inkosi, emva koko kuqhutywe ingxoxo ngocwangco olukhulu.”

Ndizive ndihleka nangona ndingqina xa ixhego liqukumbela ngelithi, “kwaMugabe aph`eZimbabwe akusoze ukubone oku kuphaxulana ngokoononkala, kuba kumbuso wayo laa ndoda, umthetho ngumthetho, qwaba ke!”

Mawethu ndincedeni iintsana zenu ningaze niphinde nizibukelise inkqubo yengxoxo yepalamente yezwe lethu, ukuba nenjenjalo, nakuwukhomba umz`onotywala ndiyanixelela!

Mawethu, khanithethe neentsana zenu ukuze zazi ukuba nokuba ningangaboni ngasonye kangakanani na nomnye umntu, ukuba loo mntu mdala kuwe ngeminyaka, kwaNtu umele ukumnika imbeko yakhe, ungathethi naye ngokungathi uthetha nentanga yakho, ude umkhombe nangeminwe!

Zinkokheli zakowethu, niya kuthi ukuze nihlonitshwe, nani nihloniphe! Nakuthi ukuze nilawule ilizwe elinoxolo, ukuthembeka nemvisiswano, nani nikholose ngoxolo, imvisiswano nakugqiba nithembeke! Ezi zinto zenzekayo zintsha kuthi maXhosa, zintsha kuthi ma-Afrika, asizazi apha kowethu!

Ukhe wasikrobisa ubawo uMqhayi kulaa mnyaka ka-1914, mhla wathetha wenjenje: “Zithe zakufika kweli lizwe ezinye iintlanga, zafumana ukuba abantu beli lizwe baphantse baziincutshe zomthetho bonke, namasiko abo asekwe phezu kwezibakala.

Kukuni ke mlisela nomthinjana wasemaXhoseni ukuyigcina ihleli kwaye iphila le mithetho, kuba iya kuthi yakutshonela, kutshonele intetho yenu, imikhwa yenu kwanesidima senu!”

Camagu! Chosi!