“Nokuba bangenza njani sokuze bamenze nto uZuma, uzakufika kunyulo luka-2019, isengulo Zuma nimbonayo”

UNozihlwele Gibi

NANGONA nje ethe gqolo ukuphazanyiswa yimibutho yezopolitiko kwintetho yakhe yasePalamente, uMongameli Jacob Zuma usezakuhlala kwisikhundla sakhe de kufike ixesha lakhe ngo-2019, ngokokutsho kwamagqirha amabini aseMpuma Koloni.

IPalamente yaseMzantsi Afrika ibisisigqubu sezithuko kwakhona phambi kokuba uZuma enze intetho yobume besizwe kwiveki ephelileyo.

Kuqale amalungu e-EFF esithi akanakuvumela uZuma athethe logama amalungu eDA nawo athe aphuma, eshiya uZuma ethetha kukho amalungu eANC ubukhulu becala.

Noxa kunjalo, uZuma usezakuhlala esikhundleni sakhe ngokokutsho kwegqirha laseMdantsane uNomqondiso Notshangaza Skweyiya.

USkweyiya uthe: “Nokuba bangenza njani sokuze bamenze nto uZuma, uzakufika kunyulo luka-2019, isengulo Zuma nimbonayo. Ngamanye amagama ndingathi, ocinga ukuba uZuma akazukufika kunyaka ka-2019 makathobe amaxhala kuba akayi ndawo.”

“Ukuba awumthandi uZuma yazi ukuba akukho kwanto uzakumenza yona,” utshilo uSkweyiya.

Elinye igqirha, uNozihlwele Gibi wakuCentane uthi izikhalazo zabemi baseMzantsi Afrika malunga nolawulo lukaZuma zenza “agqwaliseke” lo mongameli.

Kodwa noxa kunjalo, uGibi akaboni ephuma esikhundleni sakhe uZuma. “Intlambululo nokuzithoba eluntwini, avume iimpazamo zakhe, iyafuneka apha kuMongameli ukuze abantu baphinde babuye bamthembe,” utsho uGibi.

UGibi uthi xa lo kaZuma enokuzihlambulula futhi avume iimpazamo zakhe, uZuma “angaxoleleka” kuluntu loMzantsi Afrika.

“Izikhalo zimenza angathandeki ebantwini uMongameli, yiyo le nto kufuneka azihlambulule okanye athethe ngeempazamo zakhe,” utsho uGibi.

Amakhwelo okuba uZuma makehle esikhundleni athe gqolo ukuphuma nkalwana zonke.

Indibanisela iSave South Africa ekhokelwa ngusomashishini uSipho Pityana ithe yabamba “eyona ntetho ichanekileyo” ngobume besizwe eKapa ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo, apho lo kaPityana ethe wakhwela ezehlela kuZuma.

Isithethi sikaZuma uGqirha Bongani Ngqulunga, uthe ucela ukuthunyelelwa imibuzo nge-imeyili ngethuba simtsalela umnxeba, kodwa side safikelela kupapasho lwephephandaba engekayiphenduli imibuzo.